KWABASEROMA 9

9
Intlungu kaPawulos ngokungakholwa kwamaSirayeli
1Ndithetha inyaniso ndikuKristu, andixoki, sibe nesazela sam sindingqinela ndiseMoyeni oyiNgcwele, 2ukuba ndineentlungu kakhulu, nentuthumbo enkulu engapheliyo, entliziyweni yam. 3Kuba bendingáde ndinqwenele ukusingelwa phantsi mna ngokwam, ndahlukaniswe naye uKristu, ngenxa yabazalwana bam, abayimizalwane yam ngokwenyama, abangamaSirayeli bona; 4ekukokwabo ukwenziwa oonyana, nokuzukiswa, nokuphiwa iminqoqhiso, nokuwiswa komthetho, nenkonzo kaThixo, namadinga; 5abangababo ooyise; awaphuma kubo uKristu ngokwenyama, uThixo ongophezu konke, engowokubongwa kude kube ngunaphakade. Amen.
Amadinga kaThixo akalambathanga
6Ke, xa nditshoyo, andithethi nto nje, ngokungathi ilizwi likaThixo liphalele. Kuba asingabo bonke abaphuma kuSirayeli abangamaSirayeli; 7kananjalo àbathe, ngakuba beyimbewu ka-Abraham, baba ngabantwana bonke; kusuke kwathiwa, Imbewu yakho iya kubizwa ngoIsake; 8oko kukuthi, àsingabantwana benyama abangabantwana bakaThixo; ngabantwana bedinga ababalelwa ekuthini bayimbewu. 9Kuba lilo eli ilizwi ledinga, Ngeli xesha nyakenye ndiya kuza, waye uSara eya kuba nonyana.
10Alipheli apho ke; kwathi nakuRebheka, akubon' ukuba ukhawule ngamnye, ngoIsake ubawo wethu, 11nakuba abantwana babengekazalwa, bengekenzi nto nelungileyo nembi, ukuze ingqibo kaThixo ngokonyulo ihlale ihleli, ingengokwasemisebenzini, ingokwalowo ubizayo: 12kwathiwa kuye, Omkhulu uya kukhonza komnci; 13njengokuba kubhaliwe kwathiwa,
UYakobi ndamthanda, ke uEsawu ndamthiya.
(UMal. 1:2,3)
UThixo akasweli bulungisa
14Síthini na ke ngoko? Kukho ukuswela kulungisa kusini na kuye uThixo? 15Nakanye! Kuba esithi kuMoses, Ndiya kuba nenceba kosukuba ndinenceba kuye, ndibe netarhu kosukuba ndinetarhu kuye. 16Ngoko ke asikokothandayo, kanjalo asikokobalekayo; kokukaThixo onenceba. 17Kuba isibhalo sithi kuFaro, Ndakúvelisela yona le nto, yokuba ndiwabonakalalisele kuwe amandla am, nokuthi laziswe igama lam kulo lonke ihlabathi. 18Ngoko ke únenceba kwathanda ukumenzela inceba, athi ke athandayo amenze lukhuni.
UThixo unguSomandla
19Ùya kuthi kum ngoko, Úsasolelani na ke? Kuba ngubani na omelana necebo lakhe? 20Ehla ke, mntundini! Ùngubani na wena, ukuba uphendulane noThixo? Into exonxiweyo ingátsho na kumxonxi wayo ukuthi, Yini na ukuba undenjenje ukundenza? 21Khona akanagunya na umbumbi wodongwe ukwenza, ngadongwe lwambumba-nye, esinye isitya sibe sesembeko, nesinye sibe sesingesambeko?
22Hi, ukuba ke uThixo, ethanda ukubonakalalisa ingqumbo yakhe, nokwazisa amandla akhe, wathwala enokuzeka kade okukhulu izitya zengqumbo, zilungiselwe intshabalalo; 23ukuze abazise ubutyebi bozuko lwakhe ezityeni zenceba, abezilungisele uzuko ngenxa engaphambili; 24ezi wazibizayo, kwathina aba, kungekuwo amaYuda odwa, kukwiintlanga nazo? 25Njengokuba esithi nakwekaHoseya,
Ndiya kubabiza abangebantu bam ngokuba ngabantu bam;
Nongathandiweyo, ngokuba ngothandiweyo.
(UHos. 2:23)
26Kwakuya kuthi, apho kwabe kusithiwa kubo,
Aningabantu bam nina,
Babizwe apho ngokuthi, Ningoonyana bakaThixo ophilileyo.
(UHos. 1:10)
27Ke uIsaya udanduluka ngoSirayeli, esithi, Nangona inani loonyana bakaSirayeli lingangentlabathi yaselwandle, ngamasalela odwa aya kusindiswa (uIsaya 10:22); 28kuba elifeza ilizwi, aligqibe ngobulungisa; ngokuba iNkosi iya kwenza ilizwi layo phezu komhlaba, ilifinyeze. 29Kwanjengokuba uIsaya ebetshilo ngenxa engaphambili ukuthi,
Ukuba iNkosi yemikhosi ibingasishiyelanga mbewu,
Ngesibe saba njengeSodom, ngesibe senziwa safana neGomora.
(UIsaya 1:9)
Imbangi yokusilela kukaSirayeli
30Síthini na ke ngoko? Sìthi, iintlanga ebezingasukeli bulungisa, zabubamba ubulungisa, ubulungisa ke baselukholweni; 31kodwa yena uSirayeli, obesukela umthetho wobulungisa, akafikelelanga emthethweni wobulungisa. 32Ngani na? Ngokuba ukusukela kwakhe kwaye kungengokwaselukholweni; kwaye kungáthi kungokwasemisebenzini yomthetho. Kuba bábetheka elityeni eli lokubetheka, 33njengokuba kubhaliwe kwathiwa,
Yabona, ndibeka eZiyon ilitye lokubetheka,
Iliwa lesikhubekiso; bonke abakholwayo kuye abayi kudaniswa.
(UIsaya 28:16)

Currently Selected:

KWABASEROMA 9: XHO75

Qaqambisa

Share

Copy

None

Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena