KWABASEROMA 11

11
USirayeli akalahlwanga kwaphela
1Ngoko ke ndithi, UThixo ubagibile na abantu bakhe? Nakanye! Kuba nam lo ndingumSirayeli wasembewini ka-Abraham, wesizwe sikaBhenjamin. 2UThixo akabagibanga bona abantu bakhe, abebazi ngenxa engaphambili. Okanye aniyazi na indawo ethetha ngoEliya esibhalweni, ukumangalela kwakhe amaSirayeli kuThixo, esithi, 3Nkosi, abaprofeti bakho ábabulele, nezibingelelo zakho ázichithile; mna ndisele ndedwa; afuna ke ubomi bam? 4Sisuka esikaThixo isihlabo sithini na kuye? Sithi, Ndizishiyele amadoda angamawaka asixhenxe, angagobanga dolo kuBhahali• wona. 5Ngokunjalo ke ngoko, nakweli xesha lakalokunje, kukho amasalela ngokonyulo lobabalo. 6Ukuba ke kungobabalo, akusengamisebenzi; okanye ubabalo alungebi saba lubabalo.
7Kuthiweni na ngoko? Kuthiwe, Khona oko akungxameleyo amaSirayeli akakufumananga; ke abanyuliweyo bakufumana, bathi ke abanye baqaqadekiswa; 8njengokuba kubhaliwe kwathiwa, UThixo ubanike umoya wokuqoba, amehlo okuba bangaboni, neendlebe zokuba bangeva, kwada kwaba yimini yanamhla. 9Kanjalo uDavide uthi,
Isithebe sabo masibe sisibatha, nesihogo sokubambisa,
Nesikhubekiso, nesiphindezelo kubo:
10Makenziwe abe mnyama amehlo abo, ukuba bangàboni;
Nomhlana wabo wugobe amaxa onke.
(INdum. 69:22,23)
11Ndithi ngoko, Bakhubeka ukuze bawe na? Nakanye! Kuthe ngesiphoso sabo, usindiso lwafika kuzo iintlanga, ukuze zibakhweletise. 12Ukuba ke isiphoso sabo siba bubutyebi behlabathi, nokuncipha kwabo kuba bubutyebi beentlanga, yobeka phi na inzaliseko yabo?
Usindiso lweentlanga: ukuzekelisa ngokumilisela umthi komnye
13Kuba ndithetha kuni, zintlanga. Ekubeni okunene mna ndingumpostile• weentlanga, ndiyaluzukisa ulungiselelo lwam; 14ukuba ndingáde ndibakhweletise abenyama yam, ndisindise inxenye yabo. 15Kuba xa ukulahlwa kwabo kuluxolelaniso lwehlabathi, koba yintoni na ukwamkelwa kwabo? Akububomi obuphuma kwabafileyo, yini na? 16Ukuba ke intlahlela ingcwele, ikwanjalo nentlama; ukuba ke ingcambu ingcwele, akwanjalo namasebe.
17Ke ukuba inxenye yamasebe yaxhuzulwa, wathi ke wena, úngumnquma wasendle nje, wamiliselwa phakathi kwawo, waba lidlelane nengcambu nokutyeba komnquma: 18musa ukuwaqhayisela amasebe; ke ukuba ùyawaqhayisela, yazi ukuba asinguwe oyithweleyo ingcambu; yingcambu ethwele wena. 19Ùya kuthi ngoko, Áxhuzulwa amasebe, ukuze mna ndimiliselwe. 20Utyaphile; áxhuzulwa ngokungakholwa, ke wena umi ngokholo; musa ukukratsha, yoyika. 21Kuba, xa uThixo angawaconganga awasemvelweni amasebe, lumka hleze angakucongi nawe lo.
22Khawububone ke ububele nobukhali bukaThixo; ubukhali okunene kwabo bawayo; kodwa kuwe, ububele, ukuba uthe wahlala kobo bubele; okanye wogawulwa nawe lo. 23Nabo ke, ukuba abathanga bahlale ekungakholweni, bomiliselwa; kuba uThixo unako ukubuya abamilisele. 24Kuba wena, xa wagawulwa kumnquma ongowasendle ngokwemvelo, waza wamiliselwa ngokunxamnye nemvelo komhle umnquma: bobeka phi na aba bangamasebe ngokwemvelo, ukumiliselwa kwabo kowabo umnquma?
Injongo yokugqibela kaThixo yinceba kubo bonke
25Kuba andithandi, bazalwana, ukuba ningayazi le mfihlelo, ukuze ningabi ziingqondi ngokwenu: le yokuba ukuqaqadeka kuwahlele amaSirayeli ngenxenye, ide ingene inzaliseko yazo iintlanga; 26aze ngokunjalo ke wonke uSirayeli asindiswe, njengokuba kubhaliwe kwathiwa,
Úya kuvela eZiyon uMhlanguli,
Akusonge kumke kwaYakobi ukungahloneli Thixo.
27Nguwo ke lo umnqophiso wam nabo,
Xa ndithe ndazisusa izono zabo.
(UIsaya 59:20)
28Okunene ngokweendaba ezilungileyo, baziintshaba ngenxa yenu; kodwa ngokonyulo, ngabaziintanda ngenxa yoobawo. 29Kuba azinabuyambo izibabalo ezi, nobizo olu lukaThixo. 30Kuba, njengokuba nani benifudula ningamvi uThixo, ngoku ke nenzelwe inceba kukungeva kwabo abo; 31kwangokunjalo, nabo ababanga namvo ngoku, ukuze ngokwenzelwa kwenu inceba, benzelwe nabo inceba. 32Kuba uThixo ubavalele ndawonye entsweleni-kuva bonke, ukuze abenzele inceba bonke.
33Hayi, ubunzulu bobutyebi nobobulumko nobokwazi kukaThixo! Asikuko nokuba ayiphengululeki imigwebo yakhe, azilandeki iindlela zakhe! 34Kuba ngubani na oyazileyo ingqiqo yeNkosi? Ngubani na khona othe waba ngumcebisi wayo? 35Ngubani na khona owayinikayo ngenxa engaphambili, kwaza kwabuyekezwa kuye? 36Ngokuba ziphuma kuyo ke, zikho ngayo, zikholo yona, zonke ezo zinto. Malube kuyo uzuko, kude kube ngunaphakade. Amen.

Currently Selected:

KWABASEROMA 11: XHO75

Qaqambisa

Share

Copy

None

Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena