IINDUMISO 97
97
Amandla kaThixo abonakala esaqhwithini
1UYehova ngukumkani; liyagcoba ihlabathi,
Ziyavuya iziqithi ezininzi.
2Ngamafu nesithokothoko ngeenxa zonke kuye,
Bubulungisa nokusesikweni ummiso wetrone yakhe.
3Kuhamba umlilo phambi kwakhe;
Ulenya ababandezeli bakhe ngeenxa zonke.
4Ikhanyisa elimiweyo imibane yakhe;
Ùyabona umhlaba, uzibhija-bhije.
5Iintaba zinyibilika njengomthwebeba phambi koYehova,
Phambi kweNkosi yehlabathi lonke.
6Izulu lixela ubulungisa bakhe,
Zilubone uzuko lwakhe zonke izizwe.
7Badanile bonke abakhonza umfanekiso oqingqiweyo,
Abaqhayisa ngeento ezingento;
Bayamnqula bonke oothixo.
8Iyeva, iyavuya iZiyon,
Ziyagcoba iintombi zakwaYuda,
Ngenxa yemigwebo yakho, Yehova.
9Ngokuba nguwe, Yehova, Osenyangweni phezu kwehlabathi lonke;
Ùnyukile kunene ngaphezu koothixo bonke.
10Bathandi bakaYehova, kuthiyeni okubi.
Umgcini wemiphefumlo yabenceba bakhe
Úya kubahlangula esandleni sabangendawo.
11Ukukhanya likuhlwayelelwe ilungisa,
Novuyo baluhlwayelelwe abantliziyo zithe tye.
12Vuyani ngoYehova, malungisa,
Nibulele isikhumbuzo sakhe esingcwele.
Currently Selected:
IINDUMISO 97: XHO75
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
© Bible Society of South Africa 1975. Used with permission. All rights reserved.