IINDUMISO 70
70
Umthandazo wokucela uncedo lukaThixo olukhawulezayo
Kumongameli; ekaDavide; eyokukhumbuza.
1Thixo, khawuleza undihlangule;
Yehova, khawuleza undincede.
2Mabadane babe neentloni abawufunayo umphefumlo wam;
Mababuye umva bahlazeke abananzé ukuba ndihlelwe bububi;
3Mababuye ngenxa yomvuzo wedano labo
Abathi, Tshotsho! Tshotsho!
4Mababe nemihlali bavuye ngawe bonke abakuquqelayo;
Abaluthandayo usindiso lwakho
Mabahlale besithi, Makenziwe mkhulu uThixo.
5Ke mna ndilusizana, ndilihlwempu;
Thixo, khawuleza uze kum.
Umncedi wam nomsindisi wam nguwe;
Yehova, musa ukulibala.
Currently Selected:
IINDUMISO 70: XHO75
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
© Bible Society of South Africa 1975. Used with permission. All rights reserved.