IINDUMISO 4

4
Umthandazo wangokuhlwa wovuyo noxolo
Kumongameli wokubethelwa izinto ezineentambo. Umhobe kaDavide.
1Ekudandulukeni kwam ndíphendule, Thixo wobulungisa bam;
Embandezelweni yam wandenzela indawo ebanzi;
Ndíbabale, uwuve umthandazo wam.
2Nina, nyana babantu, kunini na uzuko lwam niluhlazisa,
Ningxamele into engeyakonto, nithanda amanga? (Phakamisani.)
3Yazini ke ukuba uYehova uzibalulele owenceba;
UYehova uyaphulaphula ndakudanduluka kuye.
4Qumbani, ningoni;
Thethani neentliziyo zenu ezinkukweni zenu, nithi cwaka. (Phakamisani.)
5Bingelelani imibingelelo yobulungisa,
Nikholose ngoYehova.
6Baninzi abathi, Ngubani na owosibonisa okulungileyo?
Síphakamisele ukukhanya kobuso bakho, Yehova.
7Ùyivuyisile intliziyo yam,
Kunexesha lobuninzi bengqolowa yabo, newayini yabo entsha.
8Ndiya kulala phantsi, ndilale ubuthongo kwangoku, ndíxolile,
Ngokuba wena, Yehova, undihlalisa ndíkholosile, noko ndindedwa.

Currently Selected:

IINDUMISO 4: XHO75

Qaqambisa

Share

Copy

None

Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena