IINDUMISO 142
142
Umthandazo wokucela ukuhlangulwa entshutshisweni
Eyokuqiqa kaDavide; oko ebesemqolombeni. Umthandazo.
1Ndikhala kuYehova ngezwi lam,
Ndikhunga uYehova ngezwi lam,
2Ndiphalaza inkalazo yam phambi kwakhe,
Ndixela imbandezelo yam phambi kwakhe.
3Ekutyhafeni komoya phakathi kwam,
Ùyayazi wena ingqushu yam.
Emendweni endihamba ngawo
Bandiqhushekela isibatha.
4Bheka ngasekunene ubone,
Akukho undibukayo;
Andinandawo ndingasabela kuyo,
Akukho uwukhathaleleyo umphefumlo wam.
5Ndikhala kuwe, Yehova,
Ndithi, Nguwe ihlathi lam,
Isabelo sam ezweni labahleliyo.
6Kúbazele indlebe ukuhlahlamba kwam,
Ngokuba ndiswele kakhulu:
Ndíhlangule kwabandisukelayo,
Ngokuba bomelele kunam.
7Wukhuphe entolongweni umphefumlo wam,
Ndibulèle kwigama lakho.
Amalungisa aya kuzithi jize ngesithsaba ngenxa yam,
Ngokuba ùndiphethe kakuhle.
Currently Selected:
IINDUMISO 142: XHO75
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
© Bible Society of South Africa 1975. Used with permission. All rights reserved.