IINDUMISO 124

124
Umbongo ngenxa yokuhlangulwa
Ingoma yezinyuko. KaDavide.
1Koko uYehova ebengakuthi,
Makatsho uSirayeli,
2Koko uYehova ebengakuthi
Ekusukeleni kwabantu phezulu kuthi,
3Bange beba basiginya sihleli,
Ekuvutheni komsindo wabo kuthi;
4Ange esintywilisele amanzi,
Wadlula phezu komphefumlo wethu umsinga;
5Ange edlule phezu komphefumlo wethu
Amanzi akhukumeleyo.
6Úngowokubongwa uYehova,
Ongasinikelanga emazinyweni abo, ukuba siqwengwe.
7Umphefumlo wethu usindile, njengentaka emgibeni wababambisi;
Umgibe uqhawukile, sasinda ke thina.
8Uncedo lwethu lusegameni likaYehova,
UMenzi wezulu nehlabathi.

Currently Selected:

IINDUMISO 124: XHO75

Qaqambisa

Share

Copy

None

Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena