IINDUMISO 122

122
Umthandazo wokucelela iYerusalem uxolo
Ingoma yezinyuko. KaDavide.
1Ndavuya bakuthi kum,
Masiye endlwini kaYehova.
2Iinyawo zethu zifike zema
Emasangweni akho, Yerusalem;
3Yerusalem, wena wakhiweyo
Ngokomzi ohlangeneyo wamnye;
4Apho zinyuka ziye khona izizwe,
Izizwe zikaYehova;
Ibubungqina ke loo nto kwaSirayeli,
Ukuba kubúlelwe kwigama likaYehova.
5Kuba khona apho kumiswe iitrone zokugweba,
Iitrone zendlu kaDavide.
6Celelani iYerusalem uxolo;
Mababe nokuchulumacha abakuthandayo,
7Malube luxolo eludongeni lwakho olurhaqileyo,
Nokuchulumacha ezingxandeni zakho ezinde.
8Ngenxa yabazalwana bam nowethu,
Makhe ndithethe uxolo ngawe.
9Ngenxa yendlu kaYehova, uThixo wethu,
Ndiya kufuna okukulungeleyo.

Currently Selected:

IINDUMISO 122: XHO75

Qaqambisa

Share

Copy

None

Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena