IINDUMISO 113
113
UThixo Osenyangweni uphakamisa abathobekileyo
1Haleluya!
Dumisani, bakhonzi bakaYehova,
Dumisani igama likaYehova.
2Malibongwe igama likaYehova,
Kususela ngokunje, kude kuse ephakadeni.
3Kwasekuphumeni kwelanga kuse ekutshoneni kwalo,
Malidunyiswe igama likaYehova.
4Uphakamile ngaphezu kweentlanga zonke uYehova,
Bungaphezulu kwamazulu ubuqaqawuli bakhe.
5Ngubani na onjengoYehova, uThixo wethu?
Ulohlala phezulu;
6Uloqondela phantsi,
Ezulwini nasemhlabeni?
7Ulomvusa eluthulini osweleyo,
Ulomphakamisa ezaleni olihlwempu,
8Ukuba amhlalise namanene,
Amanene abantu bakhe;
9Ulohlalisa endlwini umfazi ongazaliyo,
Abe ngunobantwana ovuyayo. Haleluya!
Currently Selected:
IINDUMISO 113: XHO75
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
© Bible Society of South Africa 1975. Used with permission. All rights reserved.