IINDUMISO 112
112
Ukonwaba kwabahlonela uThixo
1Haleluya!
Hayi, uyolo lomntu omoyikayo uYehova,
Oyinoneleleyo kunene imithetho yakhe!
2Iya kuba nobugorha ehlabathini imbewu yakhe;
Isizukulwana sabathe tye sisikelelwe.
3Bubuncwane nobutyebi endlwini yakhe;
Ubulungisa bakhe buhlala bumi.
4Baphunyelwa kukukhanya ebumnyameni abathe tye,
Benobabalo, nemfesane, nobulungisa.
5Unoyolo umntu obabalayo, aboleke;
Uya kuyimisa intetho yakhe ematyaleni.
6Ngokuba akayi kushukunyiswa naphakade;
Uya kuba lilungisa elikhunjulwa ngonaphakade.
7Àkoyikiswa ziindaba ezimbi;
Iqinisekile intliziyo yakhe, ikholose ngoYehova.
8Izimasekile intliziyo yakhe, akoyiki;
Úya kuda ababonele ababandezeli bakhe.
9Uyahlakaza, upha amahlwempu;
Ubulungisa bakhe buhlala bumi,
Uphondo lwakhe luphakamile, lunozuko.
10Ongendawo yena uya kukubona, aqumbe,
Atshixize amazinyo, anyibilike;
Umnqweno wongendawo uyadaka.
Currently Selected:
IINDUMISO 112: XHO75
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
© Bible Society of South Africa 1975. Used with permission. All rights reserved.