IINDUMISO 106
106
Ukona kukaSirayeli nokulunga kukaThixo
1Haleluya!
Bulelani kuYehova, ngokuba elungile,
Ngokuba ingunaphakade inceba yakhe.
2Ngubani na onokuzixela izenzo zobugorha bukaYehova,
Onokuyivakalisa yonke indumiso yakhe?
3Hayi, uyolo lwabaligcinayo isiko,
Lwabenza ubulungisa ngamaxesha onke!
4Ndíkhumbule, Yehova, ekwenzeni kwakho isisa kubantu bakho;
Ndíyelele ngosindiso lwakho,
5Ukuze ndibone inyhweba yabanyulwa bakho,
Ndivuye ekuvuyeni kohlanga lwakho,
Ndiqhayise kunye nelifa lakho.
6Sonile, thina noobawo;
Senzé ubugwenxa, senzé okungendawo.
7Oobawo abayiqiqanga eYiputa imisebenzi yakho ebalulekileyo;
Ababukhumbulanga ubuninzi beenceba zakho;
Baphika elwandle, eLwandle oluBomvu.•
8Wábasindisa ngenxa yegama lakhe,
Ukuze abazíse ubugorha bakhe.
9Walukhalimela uLwandle oluBomvu, loma,
Wabahambisa emanzini anzongonzongo kwanga kusentlango.
10Wabasindisa esandleni sobathiyayo,
Wabakhulula esandleni sotshaba.
11Amanzi abagubungela ababandezeli babo,
Akwasala namnye kubo.
12Bakholwa ke ngamazwi akhe,
Bayivuma indumiso yakhe.
13Kanti bahle bazilibala izenzo zakhe,
Àbalilinda icebo lakhe.
14Bàkhanukile entlango,
Bamlinga uThixo enkangala.
15Wabanika abakubizayo;
Wathumela ukungcumbeka emphefumlweni wabo.
16Bamenzela umona uMoses eminqubeni,
NoAron ongcwele kaYehova.
17Wavuleka umhlaba, wamginya uDatan,
Waliselela ibandla lika-Abhiram;
18Umlilo walitshisa ibandla labo,
Amalangatye abalenya abangendawo.
19Bênza ithole eHorebhe,
Baqubuda emfanekisweni otyhidiweyo.
20Balwananisa uzuko lwabo
Ngento emilise okwenkomo edla utyani.
21Bamlibala uThixo, umsindisi wabo,
Owênza imisebenzi emikhulu eYiputa;
22Imisebenzi ebalulekileyo ezweni lakwaHam,
Imisebenzi eyoyikekayo eLwandle oluBomvu.
23Wathi uya kubatshabalalisa,
Koko wesukayo uMoses, umnyulwa wakhe,
Wema ethubeni phambi kwakhe,
Ebuyisa ubushushu bakhe, ukuba angàtshabalalisi.
24Balicekisa ilizwe elinqwenelekayo,
Àbakholwa lilizwi lakhe,
25Bakrokra ezintenteni zabo,
Àbaliphulaphula izwi likaYehova.
26Wabaphakamisela isandla sakhe,
Wafungela ukuba abawise entlango;
27Ayiwise imbewu yabo phakathi kweentlanga,
Abachithachithe emazweni.
28Bazibandakanya noBhahali-pehore,•
Badla imibingelelo yabafileyo,
29Bamqumbisa ngeentlondi zabo;
Sagaleleka phakathi kwabo isibetho.
30Wesuka wema uPinehasi, walamla;
Sathintelwa isibetho.
31Oko kwabalelwa kuye ekuthini bubulungisa
Izizukulwana ngezizukulwana kude kuse ephakadeni.
32Bamqumbisa emanzini aseMeribha,•
Kwehla ububi kuMoses ngenxa yabo;
33Ngokuba bawuphikisa umoya wakhe,
Waphololoza ke ngomlomo wakhe.
34Àbazitshabalalisa izizwe,
Awayethethé ngazo kubo uYehova;
35Baxubana neentlanga ezo,
Bafunda izenzo zazo;
36Bakhonza izithixo zazo,
Yaba sisirhintyelo kubo.
37Babingelela ngoonyana babo nangeentombi zabo kwiidemon;
38Baphalaza igazi elimsulwa,
Igazi loonyana babo neleentombi zabo,
Ábabingelela ngabo kwizithixo zakwaKanan;
Lahlanjelwa ilizwe ngamagazi.
39Baba ziinqambi ngezenzo zabo,
Bahenyuza ngeentlondi zabo.
40Wavutha ke umsindo kaYehova kubantu bakhe,
Laba lisikizi kuye ilifa lakhe.
41Wabanikela ezandleni zeentlanga,
Balawulwa ngababathiyileyo.
42Zabaxina iintshaba zabo,
Bathotyelwa phantsi kwezandla zazo.
43Zibe zininzi izihlandlo ebahlangula;
Ke bona bamphikisa ngamaqhinga abo,
Bonákala bubugwenxa babo.
44Noko ke wakunonelela ukubandezelwa kwabo,
Akuva ukuhlahlamba kwabo.
45Wawukhumbula ngenxa yabo umnqophiso wakhe,
Wazohlwaya ngenxa yobuninzi beenceba zakhe.
46Wabafumanisa imfesane
Phambi kwabo bonke abaye bebathimbile.
47Sísindise, Yehova, Thixo wethu,
Síbuthe ezintlangeni,
Ukuze sibulele kwigama lakho elingcwele,
Sizingce ngendumiso yakho.
48Makabongwe uYehova, uThixo kaSirayeli,
Kususela kwaphakade kude kuse ephakadeni.
Mabathi bonke abantu, Amen.
Haleluya!
Currently Selected:
IINDUMISO 106: XHO75
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
© Bible Society of South Africa 1975. Used with permission. All rights reserved.