IMIZEKELISO 3:27-35

IMIZEKELISO 3:27-35 XHO75

Musa ukwala nento elungileyo kolunge nayo, Kwakuba kusemandleni esandla sakho ukuyenza. Musa ukuthi kummelwane wakho, Hamba, wòbuya uze, Ndokunika ngomso; Kanti ùnayo. Musa ukuyila ububi ngommelwane wakho, Ehleli nawe yena ekholosile. Musa ukubambana nomntu kungekho nto, Engakuphathanga kakubi nje. Musa ukuyimonela indoda engonyamelayo, Unganyuli nanye kwiindlela zayo. Kuba othi gu bucala úlisikizi kuYehova; Ke lunabathe tye ucweyo lwakhe. Ingqalekiso kaYehova isendlwini yongendawo; Ke isithili samalungisa úyasisikelela. Ngokubhekisele kubagxeki, uyabagxeka; Ke abalulamileyo uyabababala. Izilumko ziya kuludla ilifa uzuko; Ke izinyabi zamkela umrhumo wokucukucezwa.