IMIZEKELISO 13

13
1Unyana osisilumko uva uqeqesho lukayise;
Ke yena umgxeki akeva kukhalinyelwa.
2Ngesiqhamo somlomo wayo indoda idla okulungileyo.
Ke wona umnqweno wamanginingini kukugonyamela.
3Obambe umlomo wakhe ugciné umphefumlo wakhe;
Owuthé qheke umlomo wakhe, yintshabalalo kuye leyo.
4Umphefumlo wevila uyanqwena, ungazuzi;
Umphefumlo wabakhutheleyo uyatyetyiswa.
5Ilungisa liyithiyile into ebubuxoki;
Yena ongendawo uyanukisa, enze okuziintloni.
6Ubulungisa bulondoloza ihambo egqibeleleyo;
Okungendawo kuyamphenula umoni.
7Kukho ozenza isityebi, engenayo nento;
Kukho ozenza isisweli, enobuncwane obuninzi.
8Ucamagusho lomphefumlo wendoda bubutyebi bayo;
Isisweli asiva kusongelwa.
9Isikhanyiso samalungisa siyavuya;
Ke sona isibane sabangendawo siyacima.
10Ngokukhukhumala kuvuka ukulwa kuphela;
Ubulumko bunabavuma ukucetyiswa.
11Ubuncwane basebubhedengwini buya kuncipha;
Ke yena obutha ngezipha, uyandisa.
12Ukulindela okubanjezelweyo kubulala intliziyo;
Úngumthi wobomi umnqweno ofezekileyo.
13Odela ilizwi ubanjwa lilo;
Owojika umthetho uyavuzwa.
14Umyalelo wesilumko lithende lobomi,
Ukuze kumkiwe ezirhintyelweni zokufa.
15Ingqiqo entle ibanga ubukholwane;
Indlela yamanginingini inzima.
16Bonke abanobuqili benza ngokwazi;
Isinyabi siya kwaneka ukumatha.
17Umthunywa ongendawo weyela ebubini;
Isigidimi esinyanisileyo siyaphilisa.
18Unobuhlwempu nocukucezo ophulukene noqeqesho;
Osigcinileyo isohlwayo uyazukiswa.
19Umnqweno ofeziweyo unencasa emphefumlweni;
Kulisikizi kwisinyabi ukumka ebubini.
20Ohamba nezilumko uba sisilumko naye;
Ke olikholwane lesidenge uya konakaliswa.
21Aboni basukelwa bububi;
Ke wona amalungisa ayavuzwa kokulungileyo.
22Olungileyo ushiya ilifa kubazukulwana bakhe;
Ubutyebi bomoni buqwetyelwe ilungisa.
23Umkhubelo wamahlwempu unokudla okuninzi;
Kukho ophetshethwa kukungabi nabulungisa.
24Oyiyekileyo intonga yakhe umthiyile unyana wakhe;
Ke omthandayo umqeqesha esemncinane.
25Ilungisa lidla ukuba kuhluthe umphefumlo walo;
Ke sona isisu sabangendawo siyalamba.

Currently Selected:

IMIZEKELISO 13: XHO75

Qaqambisa

Share

Copy

None

Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena