IMIZEKELISO 1:20-33

IMIZEKELISO 1:20-33 XHO75

Ubulumko bumemeza ngaphandle, Buvakalisa izwi labo ezitratweni. Bumemeza emantloko eendawo zembutho; Ekungeneni kwamasango, Phakathi komzi, buthetha iintetho zabo, busithi: Kunini na, ziyathandini, nithanda ubuyatha, Abagxeki befuna ukugxeka, Izinyabi zithiya ukwazi? Nithe nabuyela ekohlwayeni kwam, Niyabona, ndowumpompozisela kuni umoya wam, Ndonazisa amazwi am. Ngokokuba ndinibizile, anavuma, Ndolulé isandla sam, akwabakho ukhathalayo; Nesuka naliyeka necebo lam lonke, Anavuma ndakunohlwaya. Nam ke ndonihleka ekusindekeni kwenu; Ndogculela ekufikeni kokunkwantyiswa kwenu; Ekufikeni kokunkwantyiswa kwenu njengesithonga, Ekuzeni kokusindeka kwenu njengesaqhwithi, Ekufikelweni kwenu yimbandezelo nenkcutheko. Baya kwandula bandibize, ndingaphenduli, Bandifune kwakusasa, bangàndifumani; Ngethuba lokuba bakuthiyile ukwazi, Àbakunyula ukoyika uYehova; Àbalivuma icebo lam, Basigiba sonke isohlwayo sam: Baya kudla ke isiqhamo sendlela yabo, Bahluthe ngamacebo abo. Kuba ukuphamba kweziyatha kuyazibulala, Nobunqobo bezinyabi buyazitshabalalisa. Ke yena ondivayo uhleli ekholosile, Wonwabile ekunkwantyiseni kobubi.