INUMERI 8

8
Imithetho yokulumeka izibane
1Wathetha uYehova kuMoses, esithi, 2Thetha kuAron, uthi kuye, Ekuzimiseni kwakho izibane, mazikhanyise zibhekise phambili, phambi kwesiphatho sezibane, izibane zosixhenxe. 3Wenjenjalo uAron; wazimisa izibane zaso zabhekisa phambili, phambi kwesiphatho sezibane, njengoko uYehova wamwiselayo umthetho uMoses. 4Kuko oku ukusetyenzwa kwesiphatho; saba yigolide ekhandiweyo, kwasa esikhondweni saso, kwasa ezintyantyambeni zaso, ingumkhando wona; ngokomfuziselo uYehova awambonisa wona uMoses wasenjenjalo isiphatho.
Ukuhlanjululwa kwabaLevi
5Wathetha uYehova kuMoses, esithi, 6Thabatha abaLevi phakathi koonyana bakaSirayeli, ubahlambulule. 7Wenjenje ke ukubahlambulula; bafefe ngamanzi esono, bahambise isitshetshe sokunquthula enyameni yabo yonke, bahlambe iingubo zabo, bahlambuluke. 8Baze bathabathe inkunzi entsha, ithole lenkomo, nomnikelo wayo wokudla, umgubo ocoliweyo ugalelwe ioli; uthabathe eyesibini inkunzi entsha, ithole lenkomo yedini lesono.
9Wòbasondeza abaLevi phambi kwentente yokuhlangana, ubizele ndawonye lonke ibandla loonyana bakaSirayeli; 10ubasondeze abaLevi phambi koYehova, bacinezele oonyana bakaSirayeli ngezandla zabo phezu kwabaLevi; 11abatshangatshangise uAron abaLevi, babe ngumtshangatshangiso phambi koYehova, ovela koonyana bakaSirayeli; babe ngabokusebenza umsebenzi kaYehova.
12AbaLevi bocinezela ngezandla zabo phezu kweentloko zeenkunzi ezintsha ezo; enye uyenze idini lesono, enye idini elinyukayo kuYehova, ukucamagushela abaLevi. 13Uze ubamise ke abaLevi phambi koAron naphambi koonyana bakhe, ubatshangatshangise, babe ngumtshangatshangiso kuYehova; 14ubahlule abaLevi koonyana bakaSirayeli, babe ngabam abaLevi.
15Emveni koko bongena abaLevi, basebenze ententeni yokuhlangana; ubahlambulule ke, ubatshangatshangise, babe ngumtshangatshangiso. 16Ngokuba ndibanikiwe ndabanikwa phakathi koonyana bakaSirayeli, ndabathabathela kum esikhundleni sabo bonke abavula isizalo, amazibulo onke koonyana bakaSirayeli. 17Ngokuba ngawam onke amazibulo phakathi koonyana bakaSirayeli, ebantwini nasezinkomeni; mini ndawabetha onke amazibulo ezweni laseYiputa, ndawangcwalisela kum. 18Ndathabatha abaLevi esikhundleni samazibulo onke, phakathi koonyana bakaSirayeli. 19AbaLevi ke ndibaniké ndabanika uAron noonyana bakhe phakathi koonyana bakaSirayeli, ukuba basebenze umsebenzi woonyana bakaSirayeli ententeni yokuhlangana, babacamagushele oonyana bakaSirayeli, ukuze kungabikho sibetho phakathi koonyana bakaSirayeli ekusondeleni koonyana bakaSirayeli engcweleni.
20Benza ke ooMoses noAron nebandla lonke loonyana bakaSirayeli kubaLevi; ngako konke uYehova awamwisela umthetho uMoses ngabo abaLevi, benjenjalo kubo oonyana bakaSirayeli. 21Bazihlambulula isono abaLevi, bahlamba iingubo zabo; uAron wabatshangatshangisa, baba ngumtshangatshangiso phambi koYehova; uAron wabacamagushela ukuba bahlambuluke. 22Emveni koko bangena abaLevi, ukuba basebenze umsebenzi wabo ententeni yokuhlangana, phambi koAron naphambi koonyana bakhe. Njengoko uYehova wamwisela umthetho uMoses ngabaLevi, benjenjalo kubo.
23Wathetha uYehova kuMoses, esithi, 24Nantsi indawo eyeyabaLevi: bethabathela kominyaka imashumi mabini anesihlanu ezelwe, banyuse, mabeze kuphuma umkhosi wokusebenza ententeni yokuhlangana. 25Bethabathela kominyaka imashumi mahlanu ezelwe, bobuya ekuphumeni umkhosi wokusebenza, bangabi sasebenza. 26Ke mabasebelungiselela abazalwana babo ententeni yokuhlangana, ngokuthi bagcine isigxina, bangasebenzi msebenzi. Ùya kwenjenjalo kubaLevi ezigxineni zabo.

Currently Selected:

INUMERI 8: XHO75

Qaqambisa

Share

Copy

None

Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena