Ke kaloku, omnye wabenzi bobubi ababexhonyiwe wayemnyelisa, esithi, Ukuba wena unguye uKristu, zisindise, nathi usisindise. Waphendula ke omnye wamkhalimela, esithi, Akumoyiki na wena uThixo, ukwakoku kugwetywa nje? Thina ke okunene sigwetywe ngobulungisa, kuba samkela okufanele esakwenzayo; kodwa yena lo akenzanga nto ingendawo. Wathi kuYesu, Uze undikhumbule, Nkosi, xa uthe weza usebukumkanini bakho. UYesu wathi kuye, Inene, ndithi kuwe, Namhlanje ùya kuba nam eParadisi.•
Ke kaloku, kwakumalunga nelixa lesithandathu, kwaza kwakho ubumnyama phezu kwawo umhlaba uphela, kwada kwaba lilixa lesithoba. Lenziwa mnyama ilanga; isikhuselo sendawo eyingcwele sakrazuka phakathi. Wadanduluka ngezwi elikhulu uYesu, wathi, Bawo, ndiyawunikela ezandleni zakho umoya wam. Uthe akuba etshilo, waphuma umphefumlo.
Ke kaloku umthetheli-khulu, akukubona okuhlileyo, wazukisa uThixo, esithi, Inene, lo mntu ubelilungisa. Zathi zonke izihlwele ezabe zibuthelene kuloo mbonelo, zakukubona okuhlileyo, zabuya zibetha izifuba zazo. Baye ke bonke abazana naye bemi kude, nabafazi ababelandelene naye, bevela kwelaseGalili, bezikhangela ezi zinto.
Kwaye ke kukho indoda egama linguYosefu, engumphakathi, indoda elungileyo, elilungisa (yona yayingavumelananga necebo labo, nesenzo sabo), eyaseArimatiya, umzi wamaYuda, eyayibulindile nayo ubukumkani bukaThixo; eyathi yona yeza kuPilato, yawucela umzimba kaYesu. Yawuthula, yawusongela kwilinen entle; yawubeka engcwabeni elixholwe etyeni, ekungazanga kulale bani kulo.
Loo mhla wawungowokulungiselela, nesabatha ibisondele. Ke kaloku nabafazi abalandeláyo, abeza naye bephuma kwelaseGalili, balikhangela ingcwaba, nokubekwa komzimba wakhe. Babuya ke, balungisa ubulawu namafutha aqholiweyo.
Bathi ngesabatha baphumla ngokomthetho.