Ithe ngoko iNkosi, yakwazi ukuba abaFarisi bavile ukuba uYesu ugqithisile kuYohane ngokwenza nokubhaptiza abafundi (nakubeni ke uYesu ngokwakhe ebengabhaptizi, bekubhaptiza abafundi bakhe), yalishiya yona elakwaYuda, yabuya yaya kwelaseGalili.
Ibimelwe ke kukuthi icande kwelamaSamariya. Ifike ke emzini welamaSamariya ekuthiwa yiSikare, kufuphi nomhlaba awathi uYakobi wawunika uYosefu unyana wakhe. Ke kaloku umthombo kaYakobi ubukhona.
Uthe ke ngoko uYesu, ebulalekile kukuhamba, wahlala enjalo phezu komthombo; ilixa ngathi belilelesithandathu. Kufika intokazi yelamaSamariya, isiza kukha amanzi, athi uYesu kuyo, Ndiphe ndisele. (Kuba abafundi bakhe bebemke baya kuthenga ukudla emzini apho.)
Ithi ngoko intokazi engumSamariyakazi kuye, Ùthini na wena, ungumYuda nje, ukucela kum into eselwayo, ndingumSamariyakazi nje? Kuba akanabudlelane amaYuda namaSamariya. Waphendula uYesu wathi kuyo, Ukuba ubusazi isipho sikaThixo, nokuba ngubani na lo uthi kuwe, Ndiphe ndisele: unge ucele kuye wena, wakùpha amanzi aphilileyo.
Ithi intokazi kuye, Nkosi, akunanto yakukha, nequla linzulu; uwazuza phi na ke amanzi aphilileyo lawo? Wena umkhulu yini na kunobawo wethu uYakobi, owasinikayo iqula eli, wayesela kulo yena, nabantwana bakhe, nemfuyo yakhe? Waphendula uYesu wathi kuyo, Bonke abasela kula manzi, baya kubuya banxanwe; ke yena othe wasela kuwo amanzi, endiya kumpha wona mna, akasayi kuza anxanwe naphakade; aya kusuka amanzi, endiya kumpha wona, abe ngumthombo kuye wamanzi ampompozela ebomini obungunaphakade.
Ithi intokazi kuye, Nkosi, ndiphe loo manzi, ukuze ndinganxanwa, ndingezi nokuza kukha apha. Athi uYesu kuyo, Hamba uye kubiza indoda yakho, uze apha. Yaphendula intokazi yathi, Andinandoda. Athi uYesu kuyo, Ùlungisile ukuthi, Andinandoda; kuba ubunamadoda amahlanu; onayo ngoku asindoda yakho, ùnyanisile ukutsho.
Ithi intokazi kuye, Nkosi, ndiyabona ukuba ungumprofeti wena. Oobawo bethu babenqula kule ntaba; nina ke nithi iseYerusalem indawo apho abantu bamelwe kukunqula khona. Athi uYesu kuyo, Ntokazindini, kholwa ndim, ukuba kuza ilixa, eningasayi kuthi nakule ntaba, naseYerusalem, nimnqule uBawo. Nina ninqula eningakwaziyo; thina sinqula esikwaziyo; ngokuba usindiso luphuma kumaYuda. Kodwa kuza ilixa, nangoku selikho, xa abanquli abayinyaniso baya kumnqula uBawo ngoMoya nangenyaniso; kuba uBawo ufuna abanjalo ukumnqula. UThixo unguMoya; abo ke bamnqulayo bamelwe kukumnqula ngoMoya nangenyaniso.
Ithi intokazi kuye, Ndiyazi ukuba uMesiya uyeza, ekuthiwa nguKristu;• xa athe weza yena, uya kusityela izinto zonke. Athi uYesu kuyo, Mna ndithethayo nawe ndinguye.