UYOHANE 2:1-11

UYOHANE 2:1-11 XHO75

Kuthe ngomhla wesithathu, kwabakho umsitho eKana yelaseGalili; waye unina kaYesu ekhona. Wamenyelwa ke noYesu kwanabafundi bakhe emsithweni lowo. Kuthe ke, bakuphelelwa yiwayini, wathi unina kaYesu kuye, Abanawayini. Uthi uYesu kuye, Yintoni na enam nawe, mfazi? Alikafiki ilixa lam. Athi unina kubalungiseleli, Asukuba ekuthetha kuni, kwenzeni. Kwakumi khona ke imiphanda yamatye imithandathu, ngokwentlambululo yamaYuda, engena ngaminye iibhate• ezimbini nantathu. Athi kubo uYesu, Yizaliseni imiphanda ngamanzi. Bayizalisa ke, yada yee cike. Athi kubo, Yikhani ngoku, nise kwinjoli. Besa ke. Ke kaloku, yakuweva injoli amanzi abenziwe iwayini (yayingayazi apho ivela khona; kodwa abalungiseleli ababewakhile amanzi babesazi), yasuka injoli yabiza umyeni. Yathi kuye, Wonke umntu ubeka kuqala iwayini emnandi, aze xa bathe basela bakholisa, andule ukubeka enganeno kwaleyo; wena uyibandezile iwayini emnandi, kwada kwangoku. Oku kuqaleka kwemiqondiso wakwenza uYesu eKana yelaseGalili, walubonakalalisa uzuko lwakhe; bakholwa kuye abafundi bakhe.