UYEREMIYA 26

26
Ukuchithwa kwetempile kuyaxelwa kwangaphambili; umngcipheko kaYeremiya
1Ekuqalekeni kobukumkani bukaYehoyakim unyana kaYosiya, ukumkani wakwaYuda, kwafika eli lizwi, liphuma kuYehova, 2lisithi, Utsho uYehova ukuthi, Yima entendelezweni yendlu kaYehova, uthethe kuyo yonke imizi yakwaYuda, eza kuqubuda endlwini kaYehova, onke amazwi endikuwisela umthetho wokuba uwathethe kubo; ungaphunguli zwi kuwo. 3Mhlawumbi baya kuva, babuye elowo endleleni yakhe embi, ndizohlwaye ngenxa yobubi endicinga ukubenza kubo, ngenxa yobubi beentlondi zabo. 4Uze uthi kubo, Utsho uYehova ukuthi, Ukuba nithe anandiphulaphula, nihambe ngomyalelo wam, endiwubeke phambi kwenu, 5anawaphulaphula amazwi abakhonzi bam abaprofeti, endibathumela kuni, ndibathuma ndivuka kusasa, anaweva: 6ndoyenza le ndlu ibe njengeShilo, ndiwenze lo mzi ube yinto yokutshabhiswa ezintlangeni zonke zehlabathi.
7Babemva ke uYeremiya ababingeleli, nabaprofeti, nabantu bonke, ethetha la mazwi endlwini kaYehova.
8Ke kaloku, ekugqibeni kukaYeremiya konke abewiselwe umthetho nguYehova ukuba akuthethe kubantu bonke, bambamba ababingeleli, nabaprofeti, nabantu bonke, bathi, Inene, ùya kufa. 9Yini na ukuba uprofete egameni likaYehova, usithi, Le ndlu iya kuba njengeShilo, lo mzi ube linxuwa, ungabi nabemi? Babizelwa ndawonye bonke abantu kuYeremiya endlwini kaYehova.
10Baweva abathetheli bakwaYuda la mazwi, benyuka bemka endlwini yokumkani, baya endlwini kaYehova, bahlala phantsi ekungeneni kwesango elitsha likaYehova. 11Ababingeleli nabaprofeti bathetha kubathetheli nakubantu bonke, besithi, Le ndoda ifanelwe sisigwebo sokufa, ngokuba iprofete ngalo mzi, njengoko nikuvileyo ngeendlebe zenu.
12Wathetha uYeremiya kubathetheli bonke nakubantu bonke, esithi, UYehova undithume ukuba ndiprofete ngale ndlu nangalo mzi onke amazwi eniwavileyo. 13Kaloku ke, lungisani iindlela zenu neentlondi zenu, niliphulaphule ilizwi likaYehova uThixo wenu; wozohlwaya uYehova ngenxa yobubi abuthethileyo ngani. 14Ke mna, yabonani, ndisesandleni senu; yenzani kum njengoko kulungileyo, kuthe tye, emehlweni enu. 15Kodwa ke yazini nazi oku: ukuba nithe nandibulala, inene, nobeka igazi elimsulwa phezu kwenu, naphezu kwalo mzi, naphezu kwabemi bawo; ngokuba, inyaniso, uYehova undithumele kuni, ukuba ndiwathethe la mazwi onke ezindlebeni zenu.
16Bathi ke abathetheli nabantu bonke kubabingeleli nakubaprofeti, Le ndoda ayifanelwe sisigwebo sokufa, ngokuba ithethe kuthi egameni likaYehova uThixo wethu. 17Kwesuka kwema amadoda kumadoda amakhulu elo zwe, athetha kulo lonke ibandla labantu, athi, 18UMika waseMoreshete waprofeta ngemihla kaHezekiya ukumkani wakwaYuda, wathetha kubantu bonke bakwaYuda, esithi, Utsho uYehova wemikhosi ukuthi, IZiyon iya kulinywa ibe yintsimi, neYerusalem ibe yimiwewe, nentaba yendlu le ibe yimimango enehlathi. 19Bambulala na ke uHezekiya ukumkani wakwaYuda namaYuda onke? Àkoyikanga uYehova na, wambongoza uYehova, waza uYehova wazohlwaya ngenxa yobubi abebuthethile ngabo? Thina ke, sènze na ububi obukhulu kwimiphefumlo yethu?
20Kwaye kananjalo kuprofeta egameni likaYehova indoda engu-Uriya unyana kaShemaya, waseKiriyati-yeharim; waprofeta ngalo mzi nangeli lizwe, ngokwamazwi onke kaYeremiya. 21Waweva ke ukumkani uYehoyakim, namagorha akhe onke, nabathetheli bonke, amazwi akhe; ukumkani wafuna ukumbulala. Weva u-Uriya, woyika, wasaba waya eYiputa. 22Ukumkani uYehoyakim wathumela amadoda eYiputa, uElinatan unyana ka-Akebhore, enamadoda athile, baya eYiputa. 23Bamrhola u-Uriya eYiputa, bamzisa kukumkani uYehoyakim; wambulala ngekrele, wasiphosa isidumbu sakhe emangcwabeni oluntu.
24Kodwa isandla sika-Ahikam unyana kaShafan besinoYeremiya, ukuba angànikelwa esandleni sabantu ukuba abulawe.

Currently Selected:

UYEREMIYA 26: XHO75

Qaqambisa

Share

Copy

None

Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena