UYEREMIYA 18

18
Umbumbi nodongwe
1Ilizwi elafikayo kuYeremiya, livela kuYehova, lalisithi, 2Suka uhle, uye endlwini yombumbi, ndikuvise khona amazwi am. 3Ndehla ke, ndaya endlwini yombumbi, nanko esenza ishishini ezintendeni. 4Sakonakala isitya abesenza ngodongwe, esandleni sombumbi, wabuya wenza sitya simbi ngalo, njengoko kwakuthe tye emehlweni ombumbi ukusenza.
5Kwafika ilizwi likaYehova kum, lisithi, 6Andinako na ukuxelisa lo mbumbi ukwenza kuni, ndlu kaSirayeli? utsho uYehova. Yabonani, njengoko lunjalo undongwe esandleni sombumbi, ninjalo nina esandleni sam, ndlu kaSirayeli. 7Ngephanyazo ndithetha ngohlanga nobukumkani, ukuba ndilunyothule, ukuba ndiludilize, ukuba ndilutshabalalise. 8Ukuba ke olo luhlanga lubuyile ezintweni zalo ezimbi, olo ndithethe ngalo, ndozohlwaya ngenxa yobubi, ebe ndisithi ndiza kubenza kulo. 9Ngephanyazo ndithetha ngohlanga nobukumkani, ukuba ndilwakhe, ukuba ndilutyale; 10kodwa ke ukuba luthi lwenze okubi emehlweni am, lungaliphulaphuli ilizwi lam, ndozohlwaya ngenxa yokulungileyo, ebendisithi ndiza kukwenza kulo.
11Ngoku ke khawuthethe kumadoda akwaYuda, nakubemi baseYerusalem, uthi, Utshilo uYehova ukuthi, Yabonani, ndinibumbela ububi, ndiceba ngani icebo; khanibuye elowo endleleni yakhe enobubi, nilungise iindlela zenu neentlondi zenu. 12Ke bona bathi, Kuncamekile; ngokuba siya kulandela awethu amacebo, senza elowo ubungqola bentliziyo yakhe enobubi.
13Ngako oko, utsho uYehova ukuthi, Khanibuze phakathi kweentlanga, ngubani na okhe weva into enje? Yenzé into ebanga amanwele kunene intombi enguSirayeli. 14Ikhephu laseLebhanon liya kulishiya na iliwa lasezweni? Amanzi anengqele, aqukuqelayo evela kude, aya kutsha na? 15Ukanti abantu bam bandilibele; baqhumisela kwizinto ezikhohlakeleyo, zabakhubekisa ezindleleni zabo, emendweni engunaphakade, ukuze bahambe ngeengqushu, ngendlela engalungeleliswanga; 16ukuze balenze ilizwe labo ummangaliso nomsondlo ongunaphakade; bonke abagqitha kulo baya kumangaliswa, bahlunguzele iintloko. 17Njengomoya wasempumalanga, ndiya kubaphangalalisa phambi kotshaba; ndibanikele umhlana, ndingabanikeli ubuso, ngomhla wokusindeka kwabo.
18Báthi ke, Yizani siyile iqhinga ngoYeremiya; ngokuba awuyi kuphela umyalelo kumbingeleli, necebo kwisilumko, nelizwi kumprofeti. Yizani simbethe ngolwimi, singawabazeli ndlebe amazwi akhe onke.
19Ndíbazele indlebe, wena Yehova; líve izwi lababambene nam. 20Kuya kuvuzwa ngobubi na esikhundleni sokulungileyo, ukuba bawumbele isihogo nje umphefumlo wam? Khumbula ukuma kwam phambi kwakho, ukuba ndithèthe okulungileyo ngabo, ukuba ndibuyise ubushushu bakho kubo. 21Ngako oko bànikele oonyana babo endlaleni, ubalahlele emandleni ekrele, abafazi babo bangabi nabantwana, babe ngabahlolokazi, amadoda abo abulawe kukufa, amadodana abo abulawe likrele emfazweni. 22Makuvakale ukukhala ezindlwini zabo, xa abuzisela amatutu ngesiquphe; ngokuba bambé isihogo sokundibambisa, iinyawo zam bazifihlela izibatha. 23Ke wena, Yehova, uyawazi onke amaqhinga abo okundibulala. Musa ukubuxolela ubugwenxa babo ngocamagusho, ungasicimi isono sabo ebusweni bakho; ukuze bakhubeke phambi kwakho. Ngexesha lomsindo wakho, yenza kubo.

Currently Selected:

UYEREMIYA 18: XHO75

Qaqambisa

Share

Copy

None

Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena