ABAGWEBI 17

17
UMika nomfanekiso wakhe oqingqiweyo
1Kwaye kukho indoda yelasezintabeni zakwaEfrayim egama linguMika. 2Yathi kunina, Iwaka lesilivere elinakhulu-nye elalithatyathwe kuwe, owashwabula ngenxa yalo, kananjalo wathetha ngalo ezindlebeni zam, yabona, isilivere leyo inam; yathatyathwa ndim. Wathi unina, Ùsikelelwe, nyana wam, nguYehova. 3Walibuyisela kunina iwaka lesilivere elinakhulu-nye. Wathi unina, Ndiyingcwalisile yonke isilivere leyo kuYehova; iphuma esandleni sam ukuba ibe yeyonyana wam, enze umfanekiso oqingqiweyo nomtyhido; ndiyibuyisela kuwe ke ngoko. 4Wayibuyisela ke kunina isilivere. Wawathabatha unina amakhulu omabini esilivere, wawanika umnyibilikisi, wenza ngawo umfanekiso oqingqiweyo nomtyhido; waba sendlwini kaMika.
5Indoda leyo inguMika ibinendlu yoothixo, yayenze iefodi• nemilondekhaya; yayimisele omnye koonyana bayo, waba ngumbingeleli wayo. 6Ngaloo mihla bekungekho kumkani kwaSirayeli; elowo wenza oko kuthe tye emehlweni akhe.
7Ke kaloku kwakukho umfana waseBhetelehem yakwaYuda, wasemlibeni wakwaYuda, ongumLevi, engumphambukeli khona. 8Yahamba indoda leyo, isuka kuloo mzi eBhetelehem yakwaYuda, yaya kuphambukela apho ingafumana indawo. Yafika kweleentaba lakwaEfrayim endlwini kaMika, ihamba uhambo lwayo. 9Wathi uMika kuyo, Uvela phi na? Yathi kuye, NdingumLevi waseBhetelehem yakwaYuda; ndiya kuphambukela apho ndingafumana indawo. 10Wathi uMika kuyo, Hlala nam, kum ube ngubawo nombingeleli; ndokunika mna ishumi lesilivere ngomnyaka, ndikuxhase ngento eziingubo nekukudla. Waya ke umLevi lowo. 11Kwakholeka kumLevi ukuhlala nale ndoda. Loo mfana waba njengomnye woonyana bayo kuyo. 12Wammisela uMika umLevi lowo, waba ngumbingeleli kuye umfana lowo; waba sendlwini kaMika. 13Wathi uMika, Kaloku ndiyazi ukuba uYehova uya kundenzela okulungileyo; ngokuba ndinombingeleli ongumLevi.

Currently Selected:

ABAGWEBI 17: XHO75

Qaqambisa

Share

Copy

None

Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena