ABAGWEBI 12

12
AmaEfrayim axabana noYifeta
1Ahlatyelwa umkhosi eza amadoda akwaEfrayim, awela aya entla, athi kuYifeta, Ibiyini na ukuba ugqithe uye kulwa noonyana baka-Amon, ungasibizanga sihambe nawe? Siya kuyitshisa ngomlilo indlu yakho phezu kwakho. 2Wathi uYifeta kuwo, Mna bendingumfo wembambano, mna nabantu bam besibambene kunene noonyana baka-Amon; ndanihlabela umkhosi, anandisindisa esandleni sabo. 3Ndithe ndakubona ukuba anindisindisi, ndawenza isichenge umphefumlo wam, ndawela ndaya koonyana baka-Amon; uYehova wabanikela esandleni sam. Kungani na ukuba ninyuke namhla, nize kulwa nam?
4Wawabutha uYifeta onke amadoda aseGiliyadi, walwa namaEfrayim. Amadoda aseGiliyadi awabulala amaEfrayim, ngokuba ebesithi, Ningabasabileyo kumaEfrayim, nina maGiliyadi, phakathi kwamaEfrayim namaManase. 5AmaGiliyadi awaphangela amaEfrayim ngokuvingca amazibuko eYordan. Babesithi abasabileyo bakwaEfrayim bakuthi, Mandiwele, athi kuye amadoda aseGiliyadi, UngumEfrayim na? Ubesithi akuthi, Hayi, athi kuye, 6Khawuthi, Shibholete; wathi yena, Sibholete, engalungisi ukulibiza ngokwenjenjalo; asuke ambambe, amsike emazibukweni eYordan. Kwawa ke ngelo xesha kumaEfrayim amawaka angamashumi omané anamabini.
7UYifeta wawalawula amaSirayeli iminyaka yamithandathu. Wafa ke uYifeta umGiliyadi, wangcwatyelwa komnye wemizi yaseGiliyadi.
Abagwebi abathathu abancinane
8Emveni kwakhe wawalawula amaSirayeli uIbhetsan waseBhetelehem. 9Wayenoonyana abamashumi mathathu; waya kwendisa ngaphandle iintombi ezimashumi mathathu, wazekela oonyana bakhe iintombi ezimashumi mathathu ezivela ngaphandle. Wawalawula amaSirayeli iminyaka esixhenxe. 10Wafa ke uIbhetsan, wangcwatyelwa eBhetelehem.
11Emveni kwakhe wawalawula amaSirayeli uElon, umZebhulon; wawalawula amaSirayeli iminyaka elishumi. 12Wafa ke uElon umZebhulon, wangcwatyelwa eAyalon, ezweni lakwaZebhulon.
13Emveni kwakhe wawalawula amaSirayeli uAbhedon, unyana kaHileli, wasePiraton. 14Waye enoonyana abamashumi mané, noonyana boonyana abamashumi mathathu, abakhwela kumaesile amatsha amashumi asixhenxe. Wawalawula amaSirayeli iminyaka esibhozo. 15Wafa ke uAbhedon unyana kaHileli, wasePiraton, wangcwatyelwa ePiraton ezweni lakwaEfrayim, kweleentaba lama-Amaleki.

Currently Selected:

ABAGWEBI 12: XHO75

Qaqambisa

Share

Copy

None

Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena