UISAYA 34

34
Isigwebo esingoEdom sivakaliswa phambi kwazo zonke iintlanga
1Sondelani, zintlanga, nive; nibaze iindlebe, zizwe; malive ihlabathi nenzaliseko yalo; elimiweyo, neziveliso zonke eziveliswa lilo.
2Ngokuba uburhalarhume bukaYehova buphezu kweentlanga zonke, nobushushu bakhe buphezu komkhosi wazo wonke; uzisingele phantsi, uzinikele ekusikweni. 3Baya kulahlwa ababuleweyo bazo, nezidumbu zabo kunyuke ukunuka kwazo, kunyibilike iintaba ligazi lazo. 4Uya kuvunda wonke umkhosi wezulu, lisongwe izulu njengencwadi, wonke umkhosi walo ubune njengokubuna kwegqabi emdiliyeni, njengokubuna kwegqabi emkhiwaneni. 5Ngokuba liselé lahlútha ezulwini ikrele lam; yabona, lihla phezu koEdom, naphezu kwabantu endibasingele phantsi, ibe ngumgwebo. 6Ikrele likaYehova lizele ligazi, lityetyiswe ngamanqatha, ligazi leemvana neleebhokhwe, ngamanqatha ezintso zeenkunzi zeegusha; ngokuba uYehova unombingelelo eBhotsera, nokuxhela okukhulu ezweni lakwaEdom. 7Kuya kuhla inqu kunye nazo, iinkunzi ezintsha kunye neenkabi, lisele lihluthe ilizwe labo ligazi, lutyetyiswe uthuli lwabo ngamanqatha. 8Kuba uYehova unomhla wempindezelo, unomnyaka wembuyekezo, wokuthethelela iZiyon.
9Yoguquka imilambo yabo ibe yitela, uthuli lwabo lube yisulfure, ilizwe labo libe yitela etshayo. 10Aliyi kucinywa ubusuku nemini; umsi walo uya kunyuka ngonaphakade; liya kuchithakala kwisizukulwana ngesizukulwana; liya kuhlala lihleli lodwa, kungabikho ucanda kulo. 11Loba lilifa lengcwangube nokhwalimanzi, kuhlale kulo ifubesi nehlungulu, olule phezu kwalo ulutya lokulinganisa lwakwanyanyeni, nelothe yokulungelelanisa yakwalubala. 12Abanumzana balo — akuyi kuba sabakho babiza bukumkani kubo, bonke abathetheli balo babe yinto engekhoyo. 13-14Iingxande zalo ezinde ziya kumila into enameva, amarhawu namakhakakhaka ezinqabeni zalo ezinkulu, libe sisikhundla seempungutye nedlelo leenciniba. Kohlangabezana amarhamncwa omqwebedu neempungutye, into elixhonti ikhawulelane nowayo; ewe, into yasebusuku iya konwaba khona, izifumanele ukuphumla. 15Kulapho iya kwenzela khona indlu inyoka ejubayo, izale amaqanda, ifukame emthunzini khona; ewe, khona apho baya kubutha oontloyiya, elowo nowabo.
16Funani encwadini kaYehova, nilese. Akukho nanye kuzo ezo zinto iya kusala, eya kusilela kuwayo; ngokuba ngumlomo wam oziwisele umthetho, ngumoya wawo ozibuthileyo. 17Nguye ozirholele iqashiso, isandla sakhe sazabela lona ngolutya lokulinganisa; ziya kulidla ilifa kude kuse ephakadeni, zihlale kulo kwisizukulwana ngesizukulwana.

Currently Selected:

UISAYA 34: XHO75

Qaqambisa

Share

Copy

None

Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena