UISAYA 14
14
Ukubuyiswa kukaSirayeli
1Ngokuba uYehova uya kuba nemfesane kuYakobi, abuye awanyule amaSirayeli, awahlalise emhlabeni wakowawo, bathelele kuwo abasemzini, bahlomele endlwini kaYakobi. 2Ziya kuwathabatha izizwe, ziwazise endaweni yawo; bazifuye zona abendlu kaSirayeli emhlabeni kaYehova, zibe ngamakhoboka namakhobokazana, babe ngabathimbi babathimbi babo, babe nobukhosi kubaqhubi babo.
Umemelelo olungokufa kokumkani weBhabheli
3Kuya kuthi, mini uYehova aniphumzayo ekwaphukeni kwenu, nasekugungqeni kwenu, nasekukhonzeni okunzima, enakhonziswa ngako, 4nihlabe lo mzekeliso ngokumkani waseBhabheli, nithi, Útheni na ukupheza umqhubi! ukupheza umzi othisayo! 5UYehova ulwaphule uswazi lwabangendawo, intonga yabalawuli, 6ebizibetha izizwe ngokuphuphuma komsindo, ngokubetha okungenakupheza; ebizinyathela ngomsindo iintlanga ngokusukelwa okungenakubanjezelwa. 7Liphumle, lizolile ihlabathi lonke; bayagqabhuka bamemelele. 8Nayo imisipres• ikuvuyele, imisedare• yaseLebhanon ithi, Kuseloko walalayo, akunyuki mgawuli usigawulayo.
9Elabafileyo ngaphantsi liyagungqa nguwe, ngokubona ukuza kwakho; likuxhoxhela abafileyo, zonke iinkunzi ezikhokelayo zehlabathi; liphakamisa ezitroneni zabo bonke ookumkani beentlanga. 10Zonke ziphela zasusela ngelithi kuwe, Nawe wenziwé ofayo njengathi na? usuke wafana nathi na? 11Buhlisélwe kwelabafileyo ubungangamsha bakho, isandi semirhubhe yakho; kwandlelwe iimpethu ngaphantsi kwakho, akugubúngele amanundu.
12Ùtheni na ukuwa emazulwini, Khwezi, nyana wesifingo! ukunqunyulwa uwe emhlabeni, mngquli weentlanga! 13Wena ke wathi entliziyweni yakho, Ndiya kunyukela emazulwini, ndiyinyuse itrone yam ibe ngaphezu kweenkwenkwezi zikaThixo; ndihlale entabeni yentlanganiso, engontsini yasentla. 14Ndiya kunyuka ngaphezu kwezigánga zamafu, ndizifanise nOsenyangweni; 15kanti ùya kuhliselwa kwelabafileyo, engontsini yomhadi.
16Abakubonayo baya kukuthi nzo ngamehlo, bakugqale, bathi, Yiyo na le indoda ebiligungqisa ihlabathi, ebizinyikimisa izikumkani? 17eyalenza intlango elimiweyo, yayigungxula imizi yalo; àyabavulela ababanjwa balo ukuba bagoduke? 18Bonke ookumkani beentlanga, bonke bephela, balele benozuko, elowo endlwini yakhe; 19ke wena ulahlelwe kude nengcwaba lakho, njengegatya elilisikizi; wambethe ababuleweyo, abahlatywe ngekrele, abahle baya ematyeni omhadi; njengesidumbu esinyashwe ngeenyawo.
20Akuyi kubandakanywa nabo engcwabeni, ngokokuba walonakalisayo ilizwe lakho, wababulala abantu bakho; ayiyi kuba nagama naphakade imbewu yabenzi bobubi. 21Oonyana bakhe balungiseleni ukusikwa, ngenxa yobugwenxa booyise, Mabangesuki balidle ilifa ihlabathi, bazalise elimiweyo ngemízi, 22Ndiya kusukela phezulu kubo, utsho uYehova wemikhosi, iBhabheli ndiyinqumle ingabi nagama namasalela, nanyana nanzalo, utsho uYehova; 23ndiyenze ibe lilifa lokhwalimanzi nezadunge zamanzi, ndiyitshayele ngomtshayelo wentshabalalo; utsho uYehova wemikhosi.
Ukutshatyalaliswa kuka-Asiriya
24Ufungile uYehova wemikhosi wathi, Inyaniso, njengoko ndicinge ngako, koba njalo; njengoko ndicebe ngako, koma ngolo hlobo; 25ukuba ndímaphule uAsiriya ezweni lam, ndimnyashe ngeenyawo ezintabeni zam, isuke kubo idyokhwe yakhe, usuke umthwalo wakhe esixhantini sabo. 26Lilo elo icebo elicetyiweyo ngehlabathi lonke; siso eso isandla esolukileyo phezu kweentlanga zonke. 27Kuba uYehova wemikhosi ucebile, ngubani na onokutshitshisa? nesandla sakhe eso solukile, ngubani na onokusibuyisa?
Okuya kuhlela uFilisti
28Ngomnyaka wokufa kokumkani onguAhazi kwabakho esi sihlabo sithi:
29Musa ukuvuyelela, wena Filisti uphela, ngakuba yaphukile intonga ebikubetha; kuba engcanjini yenyoka kuphuma irhamba, isiqhamo sayo sibe yinyoka etshisayo, ephaphazelayo. 30Baya kudla abazizisweli, abuthe ekholosile amahlwempu; ndibulale ingcambu yakho ngendlala, abulawe amasalela akho. 31Bhomboloza, sango! Khala, mzi! Yitha amandla, wena Filisti uphela, ngokuba entla kuphuma umsi; akukho wahlukayo ebuthweni lakhe. 32Bathini na ukuphendula abathunywa beentlanga? Bathi, UYehova uyisekile iZiyon, zozímela ngayo iintsizana zabantu bakhe.
Currently Selected:
UISAYA 14: XHO75
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
© Bible Society of South Africa 1975. Used with permission. All rights reserved.