UISAYA 13

13
Ukubhukuqwa kweBhabheli ngamaMedi
1Isihlabo esisingisele kwiBhabheli, awasibonayo uIsaya, unyana ka-Amotsi.
2Nyusani ibhanile• phezu kwentaba eluqayi, baphakamiseleni ilizwi; khobani ngesandla, bangene emasangweni amanene. 3Mna ndibawísele umthetho abangcwalisiweyo bam, ndiwabizele umsindo wam amagorha am, abadlamkileyo bam abanekratshi. 4Yiveni ingxokolo ezintabeni, ngathi yeyabantu abaninzi. Yiveni ingxokolo yezikumkani zeentlanga, zíhlanganisene; uYehova wemikhosi uhlanganisa umkhosi wemfazwe. 5Bavela ezweni elikude, ekupheleni kwamazulu — nguYehova nezixhobo zengqumbo yakhe, ukuba alonakalise ilizwe lonke.
6Bhombolozani, kuba isondele imini kaYehova, ivela ngokwembuqo kuSomandla. 7Ngenxa yoko ziwile iingalo zonke, zonke iintliziyo zabantu zinyibilikile. 8Bakhwankqile, bafikelwe kukupenapena nayinimba; bayazibhijabhija njengozalayo, bakhwankqiswe ulowo nguwabo; ubuso babo bubuso bamalangatye.
9Yabona, imini kaYehova iyeza, inobujorha, iphuphuma umsindo, ishushu, ukuba ilènze libe senkangala ilizwe, ibatshabalalise aboni balo kulo. 10Kuba iinkwenkwezi zezulu namakroza alo akayi kukhanyisa kukhanya kwawo; liya kuba mnyama ilanga ekuphumeni kwalo, inyanga ingabi mhlophe ukukhanya kwayo.
11Ndolivelela elimiweyo ngenxa yobubi balo, nabangendawo ngenxa yobugwenxa babo, ndiliphèlise ikratshi labakhukhumeleyo, ndilithobele phantsi ikratshi labangcangcazelisi; 12ndiwènze amadoda anqabe ngaphezu kwegolide engcwengiweyo, noluntu lunqabe ngaphezu kwegolide ecikizekileyo yakwaOfire. 13Ngenxa yoko ndiya kuligungqisa izulu, nehlabathi linyikime, lishenxe endaweni yalo ngokuphuphuma komsindo kaYehova wemikhosi, ngemini yokuvutha komsindo wakhe; 14bathi ke, njengebhadikazi elisukeliswayo, nanjengomhlambi ongenamhlanganisi, babheke elowo kubantu bakowabo, basabele elowo ezweni lakowabo. 15Bonke abo bafunyenweyo baya kuhlatywa amahlànza, bonke abo babanjiweyo bawe likrele. 16Zocunyuzwa iintsana zabo phambi kwamehlo abo, ziphangwe izindlu zabo, balalwe abafazi babo.
17Yabona, ndibaxhoxhela amaMedi angayibekiyo isilivere, angayinanzileyo negolide. 18Izaphetha zawo ziya kukhahlela amadodana, nesiqhamo sesizalo angabi namfesane siso; iliso lawo lingabi nanceba kubo abantwana. 19IBhabheli, ikhazikhazi lezikumkani, isihombo sekratshi lamaKaledi, iya kuba njengokubhukuqa kukaThixo iSodom neGomora. 20Ayi kumiwa naphakade, ayi kuza ihlalwe ezizukulwaneni ngezizukulwana, angagxumeki ntente khona nomArabhi, nabalusi bangakhi khona buhlanti. 21Obutha khona amarhamncwa omqwebedu, zizale izindlu zabo zizihuluhulu, kuhlale iinciniba khona, kuqakathe izinto ezimaxhonti khona; 22kulile amaxhwili ezingxandeni zabo ezinde, neempungutye emabhotweni okuxhamla ubuncwane; kusondele ukuza kwexesha layo, nemini yayo ingalibali.

Currently Selected:

UISAYA 13: XHO75

Qaqambisa

Share

Copy

None

Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena