IGENESIS 34

34
Ukoniwa kukaDina kuphindezelelwa nguSimon noLevi
1Ke kaloku uDina, intombi kaLeya, leyo wayizalela uYakobi, waphuma waya kubona iintombi zelo zwe. 2UShekem, unyana kaHamore umHivi, isikhulu selizwe, sambona, samthabatha, salala naye, samona. 3Umphefumlo wakhe wanamathela kuDina intombi kaYakobi; wayithanda intombi leyo, wathetha kakuhle nentombi. 4UShekem wathetha kuHamore uyise wathi, Ndízekele le ntombi ibe ngumfazi. 5Weva uYakobi ukuba umenze inqambi uDina, intombi yakhe. Ke oonyana bakhe baye besempahleni yakhe endle; wathi tu ke uYakobi, bada bafika.
6Waphuma uHamore, uyise kaShekem, eza kuthetha noYakobi. 7Bafika oonyana bakaYakobi bevela kwalusa. Bakuyiva le nto aba buhlungu amadoda lawo, avutha kunene ngumsindo, ngokuba wênza ubudenge kwaSirayeli ngokulala nentombi kaYakobi, into leyo engeyakwenziwa.
8Wathetha uHamore nabo, esithi, UShekem, unyana wam, umphefumlo wakhe uthene nca nentombi yakowenu; khanimnike ibe ngumkakhe; 9nendiselane nathi, nisinike iintombi zenu, nizeke iintombi zethu; 10nihlale nathi, ilizwe libe phambi kwenu; hlalani nirhwebe kulo, niqinìseke ukuma kulo. 11Wathi uShekem kuyise wayo, nakubanakwayo, Mandibabalwe emehlweni enu, nento eniyithethayo kum ndoninika. 12Yandisani kunene ikhazi phezu kwam, nesipho; ndoninika njengoko nithethayo kum; ndinikeni ke intombi leyo ibe ngumfazi.
13Oonyana bakaYakobi babaphendula ooShekem noHamore uyise ngenkohliso, bathetha nabo, ngokuba ebemenze inqambi uDina, udade wabo. 14Bathi kubo, Asinakuyenza le nto, yokuba udade wethu simnike indoda engalukanga; kuba loo nto ibe ingaba sisingcikivo kuthi. 15Sovumelana nani ngale ndawo yodwa, ukuba nithe naba njengathi, ngokuthi yaluke kuni yonke into eyindoda. 16Soninika ke iintombi zethu, sizeke iintombi zenu, sihlale nani, sibe bantu banye. 17Ukuba nithe anasiphulaphula ngokuthi naluke, soyithabatha intombi yethu, simke.
18Alunga amazwi abo emehlweni kaHamore, nasemehlweni kaShekem, unyana kaHamore. 19Akalibala umfana ukuyenza loo nto, kuba ubethabathekile yintombi kaYakobi; ubezukile yena ngaphezu kwayo yonke indlu kayise. 20Weza uHamore noShekem, unyana wakhe, esangweni lomzi wabo, bathetha kumadoda omzi, bathi; 21La madoda ayavana nathi; makahlale ezweni apha, arhwebe kulo; ilizwe eli, yabonani, libanzi ngeenxa zombini phambi kwawo; sozizeka iintombi zawo zibe ngabafazi, siwanike iintombi zethu. 22Ke ovumelana nathi ngale ndawo yodwa amadoda lawo, ukuhlala nathi, sibe bantu banye, yakwaluka kuthi yonke into eyindoda, njengokuba alukile wona. 23Imfuyo yawo, nengqwebo yawo, nawo onke amaqegu awo, akasayi kuba ngawethu na? Siya kuthi kodwa sivumelane nawo, ukuba ahlale nathi. 24Bamphulaphula ke uHamore noShekem unyana wakhe, bonke abaphuma ngesango lomzi wabo. Yalùswa yonke into eyindoda, bonke abaphuma ngesango lomzi wabo.
25Kwathi ngomhla wesithathu, bakuba buhlungu, besuka oonyana ababini bakaYakobi, uSimon noLevi, abanakwabo boDina, bathabatha walowo ikrele lakhe, bawufikela loo mzi ungakhumbulele nto, babulala yonke into eyindoda. 26Babulala noHamore, noShekem unyana wakhe, ngohlangothi lwekrele, bamthabatha uDina endlwini kaShekem, baphuma. 27Oonyana bakaYakobi babafikela ababuleweyo, bawuphanga umzi, ngokuba bebemenze inqambi udade wabo. 28Impahla yabo emfutshane, neenkomo zabo, namaesile abo, neento zonke ezibe ziphakathi komzi, nezibe zisendle, bazithabatha; nobutyebi babo bonke, 29nabantwana babo bonke, nabafazi babo, babathimba, baphanga neento zonke ebe zisendlwini.
30UYakobi wathi kuSimon nakuLevi, Nindihlisele ishwangusha, ukuze ndinuke phakathi kwabemi belizwe eli, phakathi kwamaKanan, naphakathi kwamaPerizi; ndibantu bambalwa nje mna, baya kundihlanganyela, bandibulale, nditshatyalaliswe mna, nendlu yam. 31Bathi bona, Udade wethu angáphathwa njengehenyukazi yini na?

Currently Selected:

IGENESIS 34: XHO75

Qaqambisa

Share

Copy

None

Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena