IGENESIS 27

27
UYakobi ukhohlisa uIsake ukuze amkele intsikelelo
1Kwathi, akwaluphala uIsake, amehlo akhe enorhatyazo ukuba angaboni, wambiza uEsawu, unyana wakhe omkhulu, wathi kuye, Nyana wam. Wathi yena kuye, Ndilapha. 2Wathi, Khawubone, ndaluphele, andiyazi imini yokufa kwam. 3Khawuthabathe ngoku iintonga zakho, umphongolo wakho, nesaphetha sakho, uye ezindle, undizingelele inyamakazi; 4undenzele ukudla okunencasa, njengoko ndikuthandayo, ukuzise kum, ndidle; ukuze umphefumlo wam ukusikelele ndingekafi. 5Ke kaloku uRebheka wayesiva ukuba uIsake uthetha kuEsawu unyana wakhe.
UEsawu waya kuzingela inyamakazi ezindle, ukuba ayizise. 6URebheka wathetha kuYakobi, unyana wakhe, wathi, Yabona, ndive uyihlo ethetha kuEsawu umkhuluwa wakho, 7esithi, Ndizisele inyamakazi, undenzele ukudla okunencasa, ndidle, ndikusikelele phambi koYehova ndingekafi. 8Ngoko ke, nyana wam, liphulaphule izwi lam ngento endikuwisela umthetho ngayo. 9Khawuhambe uye emhlambini, undithabathele khona amatakane amabini ebhokhwe alungileyo, ndenzele uyihlo ukudla okunencasa, njengoko akuthandayo; 10ukusé kuyihlo, adle, ukuze akusikelele engekafi.
11Wathi uYakobi kuRebheka unina, Yabona, uEsawu umkhuluwa wam yindoda exhonti, mna ndiyindoda egudileyo. 12Mhlawumbi ubawo wondiva, ndibe njengomgculeli emehlweni akhe, ndizizisele intshwabulelo, ndingaziziseli intsikelelo. 13Wathi unina kuye, Makube phezu kwam ukushwatyulelwa kwakho, nyana wam; phulaphula izwi lam wena, uye undithabathele. 14Waya wawathabatha, wawazisa kunina; unina wenza ukudla okunencasa, njengoko akuthandayo uyise. 15URebheka wathabatha iingubo zikaEsawu, unyana wakhe omkhulu, ezinqwenelekayo, ezibe zikuye endlwini, wamambathisa uYakobi unyana wakhe omnci. 16Izìntsu zamatakane lawo ebhokhwe wambathisa ngazo izandla zakhe, nendawo egudileyo yentamo yakhe; 17wabeka esandleni sikaYakobi unyana wakhe ukudla okunencasa, nesonka abesenzile.
18Weza kuyise, wathi, Bawo! Wathi yena, Ndilapha. Ungubani na, nyana wam? 19Wathi uYakobi kuyise, NdinguEsawu, amazibulo akho; ndenzé njengoko wathetha ngako kum; khawuvuke ke, uhlale, udle inyamakazi yam, ukuze umphefumlo wakho undisikelele. 20Wathi uIsake kunyana wakhe, Kutheni na le nto ukhawulezileyo ukuyifumana nyana wam? Wathi yena, uYehova uThixo wakho undithamsanqelisile.
21Wathi uIsake kuYakobi, Khawusondele, ndikuve, nyana wam, ukuba unguye na kanye unyana wam uEsawu, akunguye, kusini na? 22Wasondela uYakobi kuIsake uyise, wamva, wathi, Ilizwi lona lilizwi likaYakobi, kodwa izandla zizandla zikaEsawu. 23Àkamnakana ke, kube izandla zakhe zaba noboya, njengezandla zikaEsawu umkhuluwa wakhe; wamsikelela ke. 24Wathi, Wena lo ùngunyana wam uEsawu na? 25Wathi yena, Ndinguye. Wathi, Sondeza kum ndidle inyamakazi yonyana wam, ukuze umphefumlo wam ukusikelele. Wayisondeza kuye, wadla, wamzisela newayini, wasela. 26Wathi uyise uIsake kuye, Khawusondele undange, nyana wam. 27Wasondela, wamanga; waliva ivumba leengubo zakhe, wamsikelela wathi,
Yabona, ivumba lonyana wam linjengevumba lelizwe elisikelelwe nguYehova.
28Ngamana uThixo wakunika kuwo umbethe wezulu,
Nakuko ukuchuma komhlaba,
Nentabalala yengqolowa, newayini entsha;
29Izizwe mazikukhonze,
Izizwe ziqubude kuwe.
Yiba yinkosi kubazalwana bakho,
Baqubude kuwe oonyana bakanyoko;
Úqalekisiwe okuqalekisayo,
Úsikelelwe okusikelelayo.
30Kwathi, akubon' ukuba ugqibile uIsake ukumsikelela uYakobi, kwathi, akuthi ukuphuma uYakobi ebusweni bukaIsake uyise, wangena uEsawu, umkhuluwa wakhe, evela ekuzingeleni kwakhe. 31Naye wenza ukudla okunencasa, wazisa kuyise, wathi kuyise, Makavuke ubawo adle inyamakazi yonyana wakhe, ukuze umphefumlo wakho undisikelele. 32Wathi uIsake uyise kuye, Ungubani na? Wathi, Ndingunyana wakho uEsawu, amazibulo akho. 33UIsake wagubha ngokugubha okukhulu kunene, wathi, Ngubani na lo phofu uzingele inyamakazi, wayizisa kum, ndadla entweni yonke, ungekafiki wena, ndamsikelela? Wósikeleleka ke.
34Ákuweva uEsawu amazwi kayise, wakhala ngesikhalo esikhulu, esikrakra kunene, wathi kuyise, Ndísikelele nam, bawo. 35Wathi yena, Kufike umninawa wakho ngenkohliso, wayithabatha intsikelelo yakho. 36Wathi, Kungokuba igama lakhe kusithiwa nguYakobi• na, le nto andigweqe ezi zihlandlo zozibini? Wathabatha ubuzibulo bam; nanku ngoku, ethabathe nentsikelelo yam. Wathi, Akundibekelanga ntsikelelo na mna? 37Waphendula uIsake, wathi kuEsawu, Yabona, ndimmisile waba yinkosi yakho, nabo bonke abazalwana bakhe ndibaniké yena, baba ngabakhonzi; ndamxhasa ngengqolowa nangewayini entsha. Yintoni na kaloku endingakwenzela yona, nyana wam? 38Wathi uEsawu kuyise, Inye na le ntsikelelo unayo, bawo? Ndísikelele nam, bawo. Waliphakamisa uEsawu izwi lakhe, walila. 39Waphendula uIsake uyise, wathi kuye,
Yabona, ikhaya lakho liya kuba lee nokuchuma komhlaba,
Lee nombethe wezulu ovela phezulu.
40Ùya kuphila ngekrele lakho, umkhonze umninawa wakho;
Kuthi wakudlokova,
Uyàphule idyokhwe yakhe, isuke entanyeni yakho.
41UEsawu wamzonda uYakobi ngenxa yentsikelelo awamsikelela ngayo uyise; uEsawu wathi entliziyweni yakhe, Iya kusondela imihla yesijwili sikabawo, ndimbulale ke uYakobi umninawa wam. 42Wawaxelelwa uRebheka amazwi kaEsawu, unyana wakhe omkhulu, wathumela, wambiza uYakobi, unyana wakhe omnci, wathi kuye, Yabona, uEsawu, umkhuluwa wakho, uzithuthuzela ngawe ngokukubulala. 43Ngoko ke, nyana wam, phulaphula izwi lam, usuke ubalekele kuLabhan, umnakwethu, kwaHaran; 44uhlale naye iintsuku ezithile, bude bubuye ubushushu bomkhuluwa wakho, 45ude umsindo womkhuluwa wakho ubuye kuwe, ayilibale into oyenzileyo kuye; ndithumèle ke, ndikuphuthume khona. Yini na ukuba ndihluthwe nina nobabini ngamini-nye?
46Ke kaloku uRebheka wathi kuIsake, Ndikruqukile bubomi bam ngenxa yeentombi zakwaHeti. Ukuba uYakobi uthe wazeka umfazi ezintombini zakwaHeti, ezinjengezi ntombi zeli lizwe, boba yintoni na kum obu bomi?

Currently Selected:

IGENESIS 27: XHO75

Qaqambisa

Share

Copy

None

Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena