UHEZEKILE 45

45
Umhlaba wababingeleli nabaLevi nesikhulu
1Ekulabeni kwenu ilizwe ngamaqashiso, ukuba libe lilifa, nomrhumela uYehova umrhumo oyinto engcwele kulo ilizwe elo: ubude bube ngamashumi omabini anamahlanu amawaka eengcongolo,• ububanzi bube lishumi lamawaka. Wòba ngcwele emdeni wawo wonke ngeenxa zonke. 2Kuwo apha oba ngawasengcweleni amakhulu amahlanu ubude, ngamakhulu amahlanu obubanzi, ube mbombo-né ngeenxa zonke, ube ziikubhite• ezimashumi mahlanu zephandle elingeenxa zonke kuwo. 3Kuyo loo ndawo ilinganisiweyo, wòlinganisa ubude obungamashumi omabini anamahlanu amawaka, nobubanzi obulishumi lamawaka; ibe khona ingcwele le, ingcwele kangcwele. 4Yona yoba yinto engcwele kulo ilizwe elo; ilungè nababingeleli, abalungiseleli bengcwele, abasondela ukuba balungiselele kuYehova; ibe yindawo yezindlu zabo, indawo engcwele ilunge nengcwele. 5Amashumi amabini anamahlanu amawaka obude, neli shumi lamawaka obubanzi, alunge nabaLevi, abalungiseleli bendlu; oba yinzuzo yabo eyimizi yokuba bahlale.
6Okomzi koba ngamawaka amahlanu obubanzi, anamashumi amabini anamahlanu amawaka obude, elungelelene nomrhumo ongcwele; ibe ngawendlu yonke kaSirayeli.
7Isikhulu nosinika ngapha nangapha komrhumo ongcwele, nakokomzi phambi komrhumo ongcwele, naphambi kokomzi ngecala lasentshonalanga, nise entshonalanga, nangecala lasempumalanga, nise empumalanga; ubude bulungelelane nesinye isahlulo sezizwe, buthabathele emdeni wasentshonalanga, buse emdeni wasempumalanga. 8Loba lilizwe laso, libe yinzuzo kuso kwaSirayeli; izikhulu zam zingabuyi zibe sabaxinzelela phantsi abantu bam; ke ilizwe zilinike indlu kaSirayeli ngokwezizwe zayo.
Ukulawula ngobulungisa yimfanelo yesikhulu
9Itsho iNkosi uYehova ukuthi, Yan elani, nina zikhulu zakwaSirayeli; yekani ukugonyamela nokubhuqa, nenzè okusesikweni nobulungisa; yekani ukubagxotha abantu bam emafeni abo; itsho iNkosi uYehova. 10Yibani nesikali• sobulungisa, ne-efa• yobulungisa, nebhate• yobulungisa. 11Iefa nebhate yoba mlinganiso mnye, ibhate ikhongozele isahlulo seshumi sehomere,• ne-efa isahlulo seshumi sehomere, sibe ngokwehomere isilinganiselo sayo. 12Ishekele• yoba ngamashumi amabini eegera;• amashumi amabini eeshekele, amashumi amabini anesihlanu eeshekele, ishumi elinesihlanu leeshekele, ibe yimina• kum.
Iminikelo yabantu
13Nguwo lo umrhumo eniya kurhuma ngawo; isahlulo sesithandathu se-efa ehomereni yengqolowa, nirhume isahlulo sesithandathu se-efa ehomereni yerhasi; nomlinganiso omisiweyo weoli, 14webhate yeoli, nirhume isahlulo seshumi sebhate ekoreni,• ezibhateni ezilishumi ehomereni ke; kuba iibhate ezilishumi ziyihomere. 15Norhuma ixhwane libe linye empahleni emfutshane engamakhulu amabini, yasemakriweni anamanzi akwaSirayeli, ibe yeyomnikelo wokudla, neyedini elinyukayo, neyemibingelelo yoxolo, ukuba bacanyagushelwe; itsho iNkosi uYehova. 16Bonke abantu belizwe eli bosirhumela lo mrhumo isikhulu sakwaSirayeli. 17Orholwa sisikhulu amadini anyukayo, nomnikelo wokudla, nothululwayo, emithendelekweni nasekuthwaseni kwenyanga, nasezisabatheni, nasemaxesheni amisiweyo endlu kaSirayeli. Lolungiselelwa siso idini lesono, nomnikelo wokudla, nedini elinyukayo, nemibingelelo yoxolo, ukuze icanyagushelwe indlu kaSirayeli.
18Itsho iNkosi uYehova ukuthi, Ngenyanga yokuqala, ngolokuqala enyangeni leyo, wòthabatha inkunzi entsha, ithole lenkomo eligqibeleleyo, uyihlambulule ingcwele ngedini lesono. 19Umbingeleli wothabatha egazini ledini lesono elo, aliqabe emigubasini yendlu le, nasezimbombeni zoné zamacala esibingelelo, nasemigubasini yesango lentendelezo ephakathi. 20Ùya kwenjenjalo nangolwesixhenxe enyangeni leyo, ngenxa yomntu olahlekayo, nangenxa yosisiyatha, niyicamagushele indlu le.
21Ngeyokuqala inyanga, ngosuku lweshumi elinesiné enyangeni leyo, noba nepasika, umthendeleko weentsuku ezisixhenxe; kodliwa izonka ezingenagwele. 22Ngaloo mini isikhulu, ngenxa yaso nangenxa yabantu bonke belizwe eli, sólungiselela inkunzi entsha yenkomo, ibe lidini lesono. 23Iintsuku ezisixhenxe zomthendeleko somenzela uYehova idini elinyukayo; iinkunzi ezintsha zeenkomo zibe zisixhenxe, neenkunzi zeegusha ezigqibeleleyo zibe zisixhenxe ngemini, ngeentsuku zosixhenxe; nenkunzi yebhokhwe exhonti ibe lidini lesono ngemini. 24Solungiselela umnikelo wokudla, iefa enkunzini entsha, iefa enkunzini yegusha, ihin• yeoli kuyo iefa.
25Ngenyanga yesixhenxe, ngosuku lweshumi elinesihlanu enyangeni leyo, emthendelekweni, síya kwenjenjalo ngeentsuku ezisixhenxe ngokusingisele kwidini lesono, nakwidini elinyukayo, nakumnikelo wokudla, nakwioli.

Currently Selected:

UHEZEKILE 45: XHO75

Qaqambisa

Share

Copy

None

Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena