UHEZEKILE 3
3
1Wathi ke kum, Nyana womtu, kúdle okufumanayo; yidle le ncwadi isongwayo, uye uthethe kwindlu kaSirayeli. 2Ndawuvula ke umlomo wam, wandidlisa loo ncwadi isongwayo; wathi kum, 3Nyana womntu, dlisa isisu sakho, uzalise umbilini wakho ngaloo ncwadi isongwayo ndikunikayo. Ndayidla ke, yaba nencasa emlonyeni wam, njengobusi.
4Wathi kum, Nyana womntu, hamba uye kwindlu kaSirayeli, uthethe kubo ngamazwi am. 5Ngokuba àkuthunyelwa kubantu abantetho inzulu, abalulwimi lunzima; uthunyelwa kwindlu kaSirayeli. 6Àndikuthumeli kwizizwe ezininzi, ezintetho inzulu, ezilulwimi lunzima, ezimazwi ungàweviyo; ndikuthuméle kuzo ezi zinokukuphulaphula zona. 7Ke indlu kaSirayeli ayiyi kuvuma ukukuphulaphula; ngokokuba àbavumi ukundiphulaphula nam; kuba yonke indlu kaSirayeli ilukhuni ibunzi, igogotyile ngentliziyo.
8Yabona, ndibenza lukhuni ubuso bakho, kwanjengobuso babo; ibunzi lakho libe lukhuni, Kwanjengebunzi labo; 9ndilenza libe njengedayiman,• elukhuni ngaphezu kweqhwitha, ibunzi lakho. Uze ungaboyiki, ungaqhiphuki umbilini phambi kwabo; ngokuba bayindlu eneenkani. 10Wathi kum, Nyana womntu, onke amazwi am endiya kuwathetha kuwe, wamkelele entliziyweni yakho, uweve ngeendlebe zakho; 11uhambe uye kubathinjwa, koonyana babantu bakowenu, uthethe kubo uthi kubo, Itsho iNkosi uYehova; nokuba bathe beva, nokuba bathe bála.
12Wandifunqula uMoya, ndeva ngasemva kwam isandi sendudumo enkulu, sisithi, Mabubongwe ubuqaqawuli bukaYehova, endaweni yabo. 13Kananjalo ndeva nesandi samaphiko ezinto eziphililileyo, elo lifikelela kwelo, nesandi seevili ngakuzo, nesandi sendudumo enkulu. 14Wandifunqula uMoya, wandisusa; ndahamba ndikrakra bubushushu bomoya wam. Saye ke isandla sikaYehova siphezu kwam, siqinile. 15Ndafika ke eTelabhibhi, kubathinjwa ababehleli emlanjeni oyiKebhare, apho babehleli khona; ndahlala phantsi khona iintsuku zasixhenxe, ndimangalisiwe, phakathi kwabo.
Ukuthunywa kwesibini
16Kwathi ekupheleni kweentsuku ezisixhenxe, kwafika ilizwi likaYehova kum, lisithi, 17Nyana womntu, ndikwenzé umboniseli kwindlu kaSirayeli; live ke ilizwi emlonyeni wam, ubavuselele ngokuvela kum.
18Xa ndithi kongendawo, Inene, ùya kufa; usuke wena ungamvuseleli, ungathethi ukuze umvuselele ongendawo, ukuze aphume endleleni yakhe engendawo, aphile; wófa ongendawo lowo ngobugwenxa bakhe, kodwa lona igazi lakhe ndolibiza esandleni sakho. 19Wena ke, xa uthe wamvuselela ongendawo, akabuya endleleni yakhe, endleleni yakhe engendawo: wófa ngobugwenxa bakhe, kodwa wena uwuhlangule umphefumlo wakho. 20Ke, lakubuya ebulungiseni balo ilungisa, lenze ngobugqwetha, ndibeke isikhubekiso phambi kwalo; lofa lona; xa uthe akwalivuselela, lofa ngenxa yesono salo, bungàkhunjulwa ubulungisa balo elabenzayo; kodwa lona igazi lalo ndolibiza esandleni sakho. 21Wena ke, xa uthe walivuselela ilungisa, ukuba lingoni ilungisa, àlona ke: lophila ngokuba livuselelwe, ke wena uwuhlangule umphefumlo wakho.
Ukuthunywa kwesithathu
22Sabakho apho isandla sikaYehova phezu kwam, wathi kum, Suk' ume, phuma uye entilini, ndithethe nawe khona. 23Ndesuka ndema, ndaphuma ndaya entilini; nanko ke, kumi khona ubuqaqawuli bukaYehova obunjengobuqaqawuli obuyá ndabubonáyo ngasemlanjeni oyiKebhare; ndawa ngobuso.
24Kwafika uMoya kum, wandimisa ngeenyawo zam, wathetha nam, wathi, Yiya uzivalele endlwini yakho. 25Wena ke, nyana womntu, yabona, baya kukufaka izintya, bakubophe ngazo, ukuze ungaphumi uye phakathi kwabo. 26Ndiya kulunamathelisa ulwimi lwakho ekhuhlangubeni lakho, ube sisidenge, ungabi yindoda eyohlwayayo kubo; ngokuba bayindlu eneenkani. 27Ndakùthetha nawe, ndowuvula umlomo wakho, uthi ke kubo, Itsho iNkosi uYehova ukuthi, Ovayo makeve, owalayo makale; ngokuba bayindlu eneenkani.
Currently Selected:
UHEZEKILE 3: XHO75
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
© Bible Society of South Africa 1975. Used with permission. All rights reserved.