UAMOSI 8

8
Umbono womnyazi weziqhamo zasehlotyeni
1Yenjenje ukundibonisa iNkosi uYehova: Nantso ingobozi ineziqhamo zasehlotyeni. 2Yathi kum, Ùbona ntoni na, Amosi? Ndathi, Ingobozi, ineziqhamo zasehlotyeni. Wathi uYehova kum, Isiphelo sibafikele abantu bam amaSirayeli; andiyi kubuya ndiphinde ndidlule kubo. 3Ziya kuba kukubhomboloza iingoma zetempile ngaloo mini; itsho iNkosi uYehova. Zininzi izidumbu; uziqungquluzisile ezindaweni zonke; thwize!
4Yivani oku, nina bawazondayo amahlwempu, ukuba nibaphelise abaziintsizana belizwe, nisithi, 5Kuya kugqitha nini na ukuthwasa kwenyanga, sithengise ngengqolowa? Iya kugqitha nini na isabatha, sivule izisele zengqolowa, ukuze sinciphise iefa,• sikhulise ishekele,• sigqwethe isikali,• sibe sesokukhohlisa? 6ukuze sizithenge izisweli ngesilivere, namahlwempu ngeembadada ezimbini, sithengise ngomdlungu wengqolowa?
7Úlifungile uYehova iqhayiya likaYakobi, esithi, Inyaniso, andiyi kuzilibala naphakade izenzo zabo zonke. 8Aliyi kugungqa na ngenxa yoku ilizwe, benze isijwili bonke abemiyo kulo? aliyi kunyuka na lonke liphela njengoMnayile, lisuke amadlu, liwúthe njengoMnayile waseYiputa?
9Kothi ngaloo mini, itsho iNkosi uYehova, ndilitshonise ilanga emini enkulu, ndenze ubumnyama ehlabathini ngemini elisileyo. 10Ndiya kuyijika imithendeleko yenu ibe sisijwili, neengoma zenu zonke zibe sisimbonono; ndinxibe ezimnyama zokuzila ezinqeni zonke; ndichebe zonke iintloko, ndikwenze konke oko, kube njengesijwili esenzelwa umntwana okuphela kwamzeleyo, nokuphela kwako kube njengomhla okrakra.
Kuya kubakho indlala yamazwi kaYehova
11Yabonani, kuza imihla, itsho iNkosi uYehova, endiya kuthumela ukulamba kulo ilizwe, kungabi kuko ukulambela isonka, kungabi kuko ukunxanela amanzi; kube kukulambela ukuva amazwi kaYehova. 12Baya kubhadula bethabathela kolunye ulwandle, base kolunye ulwandle; bethabathela entla, base empumalanga; betyhutyha, befuna ilizwi likaYehova, bangalifumani. 13Ngaloo mini úya kuwa isiduli umthinjana omhle nomlisela, linxano. 14Bona abo bàfunga ityala lakwaSamari; bàthi, Ehleli nje uThixo wakho, Dan; bàthi, Ihleli nje indlela yaseBher-shebha: bona baya kuwa, bangabi savuka.

Currently Selected:

UAMOSI 8: XHO75

Qaqambisa

Share

Copy

None

Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena