USAMUWELI II 6

6
UDavide uzisa ityeya yomnqophiso eYerusalem
1Ke kaloku wabuya wabahlanganisa uDavide bonke abahleliweyo bakwaSirayeli: amashumi amathathu amawaka. 2Wesuka ke, wahamba uDavide nabantu bonke abenabo, esiya eBhahali yakwaYuda, esiya kunyusa khona ityeya kaThixo, ebizwa ngalo igama, igama likaYehova wemikhosi ohleli phezu kweekerubhi.•
3Bayikhwelisa enqwelweni entsha ityeya kaThixo, bayithabatha endlwini ka-Abhinadabhi ebisendulini; u-Uza nonoAhiyo, oonyana baka-Abhinadabhi, beyiqhuba inqwelo entsha leyo. 4Bayithabatha endlwini ka-Abhinadabhi esendulini, inetyeya kaThixo, uAhiyo ehamba phambi kwetyeya. 5UDavide nendlu yonke kaSirayeli baqamba phambi koYehova, bebetha imithi yonke yesipres,• neehadi, nemirhubhe, neengqongqo, namakhenkcekhenkce, namacangci.
6Bafika esandéni sikaNakon; wesa isandla sakhe u-Uza etyeyeni kaThixo, wayibamba; ngokuba iinkomo zibe ziyigungqisa. 7Wavutha umsindo kaYehova ku-Uza; uThixo wambetha khona, ngenxa yemasi elo, wafela khona ngasetyeyeni kaThixo. 8UDavide wavutha ngumsindo ngenxa enokuba uYehova wamtyhobozela ngotyhobozo u-Uza, wathi loo ndawo yiPerets-uza• unanamhla. 9UDavide wamoyika uYehova ngaloo mini, wathi, Yothini na ukuza kum ityeya kaYehova? 10Akavuma ke uDavide ukuyisusa ize kuye emzini kaDavide ityeya kaYehova; uDavide wayisonga, wayiphambukisela endlwini kaObhedi-edom waseGati.
11Yahlala ityeya kaYehova endlwini kaObhedi-edom waseGati iinyanga zantathu; uYehova wamsikelela uObhedi-edom, nendlu yakhe yonke.
12Kwaxelwa kukumkani uDavide, kwathiwa, Úyisikelele uYehova indlu kaObhedi-edom. nezinto zonke anazo, ngenxa yetyeya kaThixo. Waya uDavide, wayinyusa ityeya kaThixo endlwini kaObhedi-edom, wayizisa emzini kaDavide evuya. 13Kwathi, bakunyathela amabanga amathandathu abathwali betyeya kaYehova, wabingelela inkomo nethole elityetyisiweyo. 14Waye uDavide esina ngamandla onke phambi koYehova, uDavide ebhinqe iefodi• yelinen emhlophe. 15OoDavide nendlu yonke kaSirayeli babeyinyusa ke ityeya kaYehova, beduma, behlokomisa isigodlo.
16Kwathi, yakufika ityeya kaYehova emzini kaDavide, uMikali, intombi kaSawule, wavela ngefestile, wambona ukumkani uDavide exhuma esina phambi koYehova, wamcekisa entliziyweni yakhe.
17Bayingenisa ityeya kaYehova, bayimisa endaweni yayo phakathi kwentente, abeyitwabululele yona uDavide; uDavide wenyusa amadini anyukayo phambi koYehova, nemibingelelo yoxolo. 18Wagqiba uDavide ukunyusa amadini anyukayo nemibingelelo yoxolo, wabasikelela abantu, egameni likaYehova wemikhosi, wababèla bonke abantu, 19yonke ingxokolo yamaSirayeli, kwathabathela kwindoda kwesa nakumfazi; elowo wamnika umqhathane wesonka, nomlinganiso wewayini, nesicumba seerasintyisi. Baya ke bonke abantu elowo endlwini yakhe.
20Wabuya uDavide, eza kusikelela indlu yakhe. Waphuma uMikali intombi kaSawule, eya kukhawulela uDavide, wathi, Hayi, ukuzizukisa kokumkani wamaSirayeli namhla, ozihlubileyo namhla phambi kwabakhonzazana babakhonzi bakhe, njengoko azihlubayo umntu ongenabuntu. 21Wathi uDavide kuMikali, Kube kusebusweni bukaYehova, owandinyulayo phambi koyihlo, naphambi kwendlu yakhe yonke, ukuba andimise ndibe yingànga yabantu bakaYehova, amaSirayeli; bekusebusweni bukaYehova ukuqamba kwam; 22ndisaya kudeleka kunoko, ndithobeke emehlweni am; ke abakhonzazana othethe ngabo, ndisaya kuzukiswa ngabo. 23Ke uMikali intombi kaSawule akabanga namntwana kwada kwangumhla wokufa kwakhe.

Currently Selected:

USAMUWELI II 6: XHO75

Qaqambisa

Share

Copy

None

Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena