OOKUMKANI II 19
19
Umthandazo kaHezekiya nesiprofeto sikaIsaya ngokutshatyalaliswa kukaSaneribhe
1Kwathi, akukuva oko ukumkani uHezekiya, wazikrazula iingubo zakhe, wazigquma ngezirhwexayo, wangena endlwini kaYehova. 2Wathuma uEliyakim umphathi wendlu, noShebhena umbhali, namadoda amakhulu ababingeleli, ezigubungele ngezirhwexayo, kuIsaya umprofeti, unyana ka-Amotse. 3Bathi kuye, Utsho uHezekiya ukuthi, Le mini yimini yembandezelo, neyokohlwaywa, neyogibo; ngokuba abantwana baze kufika emlonyeni wesizalo, tu ke amandla okuzala. 4Mhlawumbi uYehova uThixo wakho angaweva onke amazwi kaRabheshake, othunywe ngukumkani waseAsiriya inkosi yakhe, ukungcikiva uThixo ophilileyo; amohlwaye ngenxa yamazwi lawo awavileyo uYehova uThixo wakho. Nyusa ke umthandazo ngenxa yamaqongqolo asekhoyo.
5Baya ke abakhonzi bokumkani uHezekiya kuIsaya. 6Wathi uIsaya kubo, Nòtsho kwinkosi yenu ukuthi, Utsho uYehova ukuthi, Musa ukuwoyika amazwi owavileyo, abandinyelise ngawo abafana bokumkani waseAsiriya. 7Yabona, ndimfaka umoya, ukuba eve udaba olubi, abuye ke aye ezweni lakhe, ndimwise ngekrele ezweni lakhe.
8Wabuya ke uRabheshake, wamfumana ukumkani waseAsiriya esilwa neLibhena; ngokuba ebevile ukuba undulukile eLakishe. 9Weva kusithiwa ngoTiraka, ukumkani wakwaKushi, Nanko ephuma eza kulwa nawe. Wabuya wathumela abathunywa kuHezekiya, esithi, 10Nòtsho kuHezekiya, ukumkani wakwaYuda, ukuthi, Musa ukulukuhlwa nguThixo wakho, okholose ngaye wena, usithi, Ayisayi kunikelwa iYerusalem esandleni sokumkani waseAsiriya. 11Uyabona, ùkuvile wena oko bakwenzáyo ookumkani baseAsiriya kumazwe onke, ukuba bawaphanzisa. Ùya kuhlangulwa na ke wena? 12Oothixo beentlanga bazihlangula na ke ezo zàtshatyalaliswa ngoobawo: iGozan, neHaran, neRetsefe, nabase-Eden ababeseTelasare? 13Uphi na ukumkani weHamati, nokumkani weArpadi, nokumkani womzi waseSefarvayim, neHena, neIva?
14Wawathabatha uHezekiya amaphepha eencwadi ezandleni zabathunywa, wawalesa; wenyuka waya endlwini kaYehova, wawaneka uHezekiya phambi koYehova. 15Wathandaza uHezekiya phambi koYehova, wathi, Yehova, Thixo wakwaSirayeli, ùhleli wena phakathi kweekerubhi,• unguye uThixo wena wedwa kwizikumkani zonke zehlabathi; wena uwenzile amazulu nehlabathi. 16Thoba indlebe yakho, Yehova, uve; vula amehlo akho, Yehova, ubone; uweve amazwi kaSaneribhe, othumé ukungcikiva ngawo uThixo ophilileyo. 17Okunene, Yehova, ookumkani baseAsiriya bazichithile iintlanga namazwe azo, 18babanikela oothixo bazo emlilweni, kuba babengethixo, babengumsebenzi wezandla zomntu, umthi nelitye; babatshababalisa ke. 19Ke ngoko, Yehova Thixo wethu, khawusisindise esandleni sakhe, zazi zonke izikumkani zehlabathi ukuba wena unguYehova uThixo wedwa.
20Wathumela ke uIsaya, unyana ka-Amotse, kuHezekiya, esithi, Utsho uYehova, uThixo wakwaSirayeli, ukuthi, Okuthandazeleyo kum ngokubhekisele kuSaneribhe ukumkani waseAsiriya, ndikuvile.
21Lilo eli ilizwi alithethileyo uYehova ngaye, Intombi eyintombi enguZiyon iyakudela, iyakugculela; intombi enguYerusalem ihlunguzela intloko emva kwakho. 22Ngubani na lo ùmngcikivileyo, ùmnyelisileyo? Ngubani na lo umphakamisele izwi lakho, uwaphakamisele amehlo akho phezulu nje? NgoyiNgcwele wakwaSirayeli.
23Ngabathunywa bakho ùyingcikivile iNkosi, wathi, Ngobuninzi beenqwelo zam zokulwa ndiqabele mna ezintlomeni zeentaba, emathambekeni eLebhanon; ndiyayigawula imisedare• yayo emide kakhulu, nemisipres• yayo enyuliweyo, ndifíke kweyokuphela indawo yayo yokulalisa, ehlathini lentsimi yayo echumayo. 24Mna ndimbé ndasela amanzi abefudula engekho, ndayomisa ngeentende zeenyawo zam yonke imijelo yaseYiputa.
25Akuvanga na? Kwakude ndakwenza oku, kwangemihla yamandulo ndakubumba. Ndikufikisile, kwenzeka ngoku, ukuba uyikhahlele phantsi imizi enqatyisiweyo, ibe yingxakangxaka yemiwewe. 26Abemi bayo bánqumka izandla, baqhiphuka umbilini, badana, baba ngumfuno wasendle, nohlaza, utyani obuphezu kwendlu, isihumba engqoloweni ingekabi mvila. 27Ke, ukuhlala kwakho, nokuphuma kwakho, nokungena kwakho, ndiyakwazi, nokuguguma kwakho ngam. 28Ngenxa yokundigugumela kwakho, nangenxa yokutyesha kwakho okunyuke kweza ezindlebeni zam, ndiya kufaka ikhonkco lam empumlweni yakho, nomkhala wam emlonyeni wakho, ndikubuyise ngendlela oweza ngayo.
29Ke kaloku nguwo lo umqondiso kuwe: lo mnyaka kodliwa ummilela, ngomnyaka wesibini kodliwa isihlabane, ngomnyaka wesithathu nòhlwayela nivune, nityale izidiliya, nidle iziqhamo zazo; 30abasindileyo bendlu yakwaYuda, abo baseleyo, babuye bendelisele iingcambu phantsi, benzé iziqhamo phezulu. 31Ngokuba kuya kuphuma eYerusalem abaseleyo, nabasindileyo entabeni yeZiyon. Ubukhwele bukaYehova wemikhosi buya kukwenza oko.
32Ngako oko utsho uYehova ngokubhekisele kukumkani waseAsiriya, ukuthi, Akayi kungena kulo mzi; akayi kutola notolo kuwo; akayi kuwuzela enengweletshetshe, akayi kuwufumbela ludonga lwakungqinga. 33Ùya kubuya ngendlela aweza ngayo; akasayi kungena kulo mzi; utsho uYehova. 34Ndiya kuwukhusela lo mzi, ndiwusindise ngenxa yam, nangenxa kaDavide umkhonzi wam.
35Kwathi ngobo busuku, kwaphuma isithunywa sikaYehova, saxabela emkhosini wama-Asiriya ikhulu elinamanci asibhozo anesihlanu lamawaka. Bavuka kusasa, nango, ezizidumbu ezifileyo onke. 36Wanduluka wahamba, wabuya uSaneribhe ukumkani waseAsiriya, wahlala eNineve. 37Kwathi, enqula endlwini kaNiseroki uthixo wakhe, bamxabela ngekrele ooAdrameleki noSharetsere, oonyana bakhe. Baza basabela ezweni laseArarati. UEsar-hadon, unyana wakhe, waba ngukumkani esikhundleni sakhe.
Currently Selected:
OOKUMKANI II 19: XHO75
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
© Bible Society of South Africa 1975. Used with permission. All rights reserved.