IZIKRONIKE II 9
9
Utyelelo lokumkanikazi waseShebha; ubutyebi bukaSolomon nokufa kwakhe
1Ke kaloku ukumkanikazi waseShebha waluva udaba lukaSolomon, weza kumlinga uSolomon ngemibuzo elukhuni eYerusalem, enesihlwele esinzima kunene, neenkamela ezithwele ubulawu, negolide eninzi, namatye anqabileyo. Weza kuSolomon, wathetha naye konke okube kusentliziyweni yakhe. 2USolomon wamtyhilela onke amazwi akhe; akubangakho lizwi lifihlakeleyo kuSolomon, angàbanga nako ukumtyhilela lona. 3Wabubona ukumkanikazi waseShebha ubulumko bukaSolomon, nendlu abeyakhile; 4nokudla kwetafile yakhe, neendawo zokuhlala kwabakhonzi bakhe, nokuma kwabalungiseleli bakhe nezambatho zabo, nabangcamli bakhe nezambatho zabo, nezinyuko zakhe abe enyuka ngazo ukuya endlwini kaYehova; akwaba sabakho kuqina kwamxhelo kuye.
5Wathi kukumkani, Libe liyinene ilizwi endaliva ezweni lam lezinto zakho, nobulumko bakho. 6Àndikholwanga ngamazwi abo, ndada ndeza, abona amehlo am; yabona, ndibe ndingaxelelwanga nesiqingatha esi sobuninzi bobulumko bakho; ùlugqithile udaba endibe ndiluvile. 7Anoyolo amadoda akho; banoyolo abakhonzi bakho, abemiyo phambi kwakho ngamaxesha onke, bebuva ubulumko bakho. 8Makabongwe uYehova uThixo wakho, okunoneleyo, wakubeka etroneni yakhe, ukuba ube ngukumkani kuYehova uThixo wakho, ngokuwathanda kukaThixo wakho amaSirayeli, ukuba awamise ngonaphakade; wakumisa waba ngukumkani kuwo, ukuba wenze okusesikweni nobulungisa.
9 Ukumkanikazi wanika ukumkani ikhulu elinamanci amabini eetalente• zegolide, nasebulawini into eninzi kunene, namatye anqabileyo; akuzanga kube sabakho bulawu bungangobo, ukumkanikazi waseShebha wàbunika ukumkani uSolomon. 10Kananjalo abakhonzi bakaHiram nabakhonzi bakaSolomon, abeza negolide bevela kwaOfire, beza nemialgumi• namatye anqabileyo. 11Imialgumi leyo ukumkani wayenza izinyuko zendlu kaYehova, nezendlu yokumkani, neehadi, nemirhubhe yeemvumi; akuzanga kubonwe injalo ngaphambili ezweni lakwaYuda. 12Ke ukumkani uSolomon wamnika ukumkanikazi waseShebha konke ukuthanda kwakhe awakucelayo; kukodwa khona awakuzìsayo kukumkani. Wajika ke waya ezweni lakhe, yena nabakhonzi bakhe.
13Ke kaloku ukulinganiswa kwegolide, eyeza kuSolomon ngamnyaka mnye, kwaba ngamakhulu amathandathu anamanci amathandathu anesithandathu iitalente zegolide, 14iyodwa eyabarhwebi, nebiziswa ngabathengisi, neyookumkani bonke baseArabhi, neyamabamba elizwe, abezisa igolide nesilivere kuSolomon.
15Ukumkani uSolomon wenza amakhulu amabini amakhaka egolide engumkhando; zangamakhulu amathandathu iishekele• zegolide engumkhando, awaleka ngazo khaka linye. 16Wenza amakhulu amathathu eengweletshetshe zegolide engumkhando; zangamakhulu amathathu iishekele zegolide, awaleka ngazo ngweletshetshe-nye. Ukumkani wazibeka endlwini yehlathi laseLebhanon.
17Ukumkani wenza netrone enkulu ngeempondo zeendlovu, wayaléka ngegolide engcwengiweyo. 18Itrone leyo ibinezinyuko ezithandathu; itrone leyo ibinesihlalo seenyawo segolide, ezo nto zibambene nayo; kukho iingalo ngapha nangapha kwendawo yokuhlala, kumi iingonyama ezimbini ecaleni leengalo ezo; 19kumi iingonyama ezilishumi elinambini khona ezinyukweni ezithandathu, ngapha nangapha; akuzanga kwenziwe nto injalo ezikumkanini zonke.
20Yonke impahla yokusela yokumkani uSolomon yabe iyeyegolide, nempahla yonke yendlu yehlathi laseLebhanon yabe iyeyegolide ethe shinyi; isilivere ibingento yakwanto ngemihla kaSolomon. 21Ngokuba ukumkani ubeneenqanawa eziya eTarshishe ndawonye nabakhonzi bakaHiram; zeza kanye ngeminyaka emithathu iinqanawa ezo zaseTarshishe, zithwele igolide, nesilivere, neempondo zeendlovu, neentsimango, neepikoko.
22Wakhula ke ukumkani uSolomon ngaphezu kookumkani bonke bomhlaba ngobutyebi nangobulumko. 23Bonke ookumkani bomhlaba bafuna ubuso bukaSolomon, ukuba beve ubulumko bakhe, awayebubeke entliziyweni yakhe uThixo. 24Bazìsa elowo umnikelo wakhe, iimpahla zesilivere neempahla zegolide, nezambatho, nezikrweqe, nobulawu, namahashe, noondlebende, into yeminyaka ngeminyaka. 25USolomon wayenamawaka amané emikhombe yezitali zamahashe neenqwelo, neshumi elinamabini amawaka amahashe akhwelwayo; wawabeka emizini yeenqwelo, nakukumkani eYerusalem. 26Ubelawula ookumkani bonke, ethabathela kuwo uMlambo,• azise ezweni lamaFilisti, ezisa nasemdeni waseYiputa. 27Ukumkani wayenza isilivere yanjengamatye eYerusalem, nemisedare• wayenza yanjengemithombe esezihlanjeni, ukuba mininzi. 28Bazìsa kuSolomon amahashe evela eYiputa, evela emazweni onke.
29Ezinye izinto zikaSolomon, ezokuqala nezokugqibela, azibhalwanga na emicimbini kaNatan umprofeti, naseziprofetweni zika-Ahiya waseShilo, nasemibonweni kaIdo imboni, ngoYarobheham unyana kaNebhati? 30USolomon wayengukumkani kumaSirayeli onke eYerusalem iminyaka emashumi mané. 31USolomon walala kooyise, wangcwatyelwa emzini kaDavide uyise; uRehabheham, unyana wakhe, waba ngukumkani esikhundleni sakhe.
Currently Selected:
IZIKRONIKE II 9: XHO75
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
© Bible Society of South Africa 1975. Used with permission. All rights reserved.