USAMUWELI I 23
23
UDavide uphuncula kuSawule
1Kwaxelwa kuDavide, kwathiwa, Nanga amaFilisti esilwa neKehila; ayazidywida izandá. 2UDavide wabuza kuYehova, wathi, Ndiye na ndiwachithe la maFilisti? Wathi uYehova kuDavide, Yiya uwachithe amaFilisti, uyisindise iKehila. 3Athi amadoda akwaDavide kuye, Nanku thina sisoyika, sikwaYuda apha. Sobeka phi na, xa sithe saya eKehila, ezintlwini zamaFilisti? 4Waphinda uDavide, wabuza kuYehova kanjalo. Wamphendula uYehova, wathi, Suka uhle, uye eKehila; ngokuba ndiya kuwanikela amaFilisti esandleni sakho. 5Waya ke uDavide namadoda akwakhe eKehila, walwa namaFilisti, wayiqhuba imfuyo yawo, wawabulala kakhulu. Wabasindisa ke uDavide abemi beKehila.
6Kwathi, ekubalekeni kuka-Abhiyatare, unyana ka-Ahimeleki, kuDavide eKehila, wehla ene-efodi• esandleni sakhe.
7Kwaxelwa kuSawule, ukuba uDavide ufikile eKehila. Wathi uSawule, UThixo umlahlele esandleni sam; ngokuba uzivalele ngokungena emzini oneengcango nemivalo. 8USawule wababizela ndawonye emfazweni bonke abantu, ukuba behle baye eKehila, bangqinge uDavide namadoda akhe. 9Wazi uDavide ukuba uSawule umenzela ububi, wathi kuAbhiyatare umbingeleli, Zisa iefodi leyo. 10Wathi uDavide, Yehova, Thixo kaSirayeli, úvile ngenene umkhonzi wakho, ukuba uSawule ufuna ukuza eKehila, ukuba awonakalise lo mzi ngenxa yam. 11Abemi beKehila bondinikela na esandleni sakhe? Wóhla na uSawule, njengoko avileyo umkhonzi wakho? Yehova, Thixo kaSirayeli, khawumxelele umkhonzi wakho. Wathi uYehova, Úya kuhla. 12Wathi uDavide, Abemi beKehila bondinikela na mna namadoda am esandleni sikaSawule? Wathi uYehova, Bokunikela. 13Wesuka uDavide namadoda akhe, bekumakhulu amathandathu amadoda, baphuma eKehila, bahamba apho bangahamba khona. Waxelelwa uSawule ukuba uDavide usabile eKehila; wayeka, akaphuma.
14Wahlala ke uDavide entlango ezimboniselweni, wahlala ezintabeni entlango yeZifi. USawule wamfuna imihla yonke; uThixo akamnikela esandleni sakhe. 15Wabona uDavide ukuba uSawule uphume eza kufuna umphefumlo wakhe. UDavide ebesentlango yeZifi entshinyeleni yehlathi.
16Wesuka uYonatan unyana kaSawule, waya kuDavide entshinyeleni yehlathi. Wasomeleza isandla sakhe kuThixo, wathi kuye, 17Musa ukoyika, ngokuba isandla sikaSawule ubawo asiyi kukufumana. Wena uya kuba ngukumkani kumaSirayeli, mna ndibe nganeno kwakho; kananjalo uSawule ubawo uyakwazi kakuhle oku. 18Benza umnqophiso bobabini phambi koYehova. UDavide wahlala entshinyeleni yehlathi apho, uYonatan waya endlwini yakhe.
19Benyuka abaseZifi, baya kuSawule eGibheha, besithi, UDavide akazizimeze kuthi yini na ezimboniselweni, entshinyeleni yehlathi, endulini yeHakila esekunene kwenkangala? 20Kaloku yihla, kumkani, ngokomnqweno wonke womphefumlo wakho ukuhla; kunathi ukumnikela esandleni sokumkani.
21Wathi uSawule, Nisikelelwe nguYehova; ngokuba ninofefe kum. 22Khaniye nigqale okunye, nazi, nibone indawo yakhe, apho unyawo lwakhe lukhona, nokuba ngubani na ombone khona; ngokuba kuthiwa kum, Asikuko nokuba unobuqhophololo; 23nibone, nazi iindawo zonke zokuzimela, aya kuzimela kuzo, nibuyele kum niqiqile; ndohamba nani. Kothi, ukuba úkho kweli lizwe, ndimfune ndimfumane phakathi kwamawaka onke akwaYuda. 24Besuka ke baya eZifi phambi koSawule.
UDavide namadoda akhe wayesentlango yeMahon, eArabha, ngasekunene kwenkangala. 25Wahamba uSawule namadoda akhe ukuya kumfuna. Bamxelela uDavide. Wehla ke waya engxondorheni, wahlala entlango yeMahon. Weva uSawule, wamsukela uDavide entlango yeMahon. 26Wahamba uSawule ngeli cala lentaba; wahamba uDavide namadoda akhe ngelaa cala lentaba. UDavide wemka buphuthuphuthu, ngokoyika uSawule; ke uSawule namadoda akhe babemrhawula uDavide namadoda akhe, ukuba bababambe.
27Ke kaloku kwafika umthunywa kuSawule, esithi, Khawuleza uze, ngokuba amaFilisti alingenele ilizwe. 28Wabuya ke uSawule ekumsukeleni uDavide, waya kuwahlangabeza amaFilisti. Ngenxa yoko kwathiwa loo ndawo yiSelahamalekoti.•
29Wenyuka apho uDavide, wahlala ezimboniselweni zase-Engedi.
Currently Selected:
USAMUWELI I 23: XHO75
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
© Bible Society of South Africa 1975. Used with permission. All rights reserved.