USAMUWELI I 21

21
UDavide usabela eNobhi naseGati
1UDavide waya eNobhi kuAhimeleki, umbingeleli. UAhimeleki wamkhawulela uDavide egubha, wathi kuye, Yini na ukuba uze wedwa, kungekho ndoda ihamba nawe. 2Wathi uDavide kuAhimeleki, umbingeleli, Ukumkani undiwisele umthetho ngento, wathi kum, Makungabikho mntu wazi ní yaní ngale nto ndikuthumayo, ndikuwiseleyo umthetho ngayo; ke abafana ndibayalele ekuthini nasekuthini. 3Kaloku kukho ntoni na phantsi kwesandla sakho? Ndinike esandleni izonka zibe zihlanu, nokuba yintoni efumanekayo. 4Umbingeleli wamphendula uDavide, wathi kuye, Akukho sonka sisesabantu bonke phantsi kwesandla sam; sesingcwele sodwa isonka esikhoyo; ukuba abafana bathe kodwa bazigcina kubafazi. 5UDavide wamphendula umbingeleli, wathi kuye, Inene abafazi bathintelekile ukuza kuthi ezi ntsuku zontathu; ekuphumeni kwam ibingcwele impahla yabafana; nokuba ibiyindlela yabantu bonke, yosuka ingcwaliswe yimpahla le namhla. 6Umbingeleli wamnika ke esingcwele; ngokuba bekungekho zonka khona ezingezizo zokubonisa, ezibe zisuswe phambi koYehova, ukuba kumiswe izonka ezishushu ngemini yokuthatyathwa kwazo.
7Ke kaloku kwaye kuvalelwe khona indoda yakubakhonzi bakaSawule ngaloo mini phambi koYehova, egama belinguDowegi umEdom, ingànga yabalusi bakaSawule.
8Wathi uDavide kuAhimeleki, Akukho ntshuntshe nakrele na apha phantsi kwesandla sakho? Kuba ikrele lam kwaneentonga zam andiziphathanga; ngokuba umcimbi kakumkani ungxamisekile. 9Wathi umbingeleli, Ikrele likaGoliyati umFilisti, owambulala entilini kaEla, nali lisongelwe engutyeni emva kwe-efodi.• Ukuba uyalithabatha, lithabathe; ngokuba akukho limbi. Wathi uDavide, Akukho linjengálo, ndinike lona.
10Wesuka uDavide, wabaleka ngaloo mini ebusweni bukaSawule, waya kuAkishe ukumkani waseGati. 11Bathi abakhonzi baka-Akishe kuye, Asinguye na lo uDavide, ukumkani welizwe? Asinguye na lo babevuma ngaye ekungqungqeni, besithi,
USawule ubulele amawaka akhe,
UDavide ubulele amawaka akhe angamashumi?
12UDavide wawagcina loo mazwi entliziyweni yakhe, woyika kunene ebusweni buka-Akishe, ukumkani waseGati. 13Waziphambanisa ingqondo phambi kwabo, wazigezisa esandleni sabo, wakrwela ezingcangweni zesango, wavuzisa uluchwe ezindevini zakhe. 14Wathi uAkishe kubakhonzi bakhe, Khangelani, nantsi le ndoda isisihiba; yini na ukuba niyizise kum? 15Ndiswele izihiba yini na ukuba nizise lo, abhudele phezu kwam? Wóngena yini na lo endlwini yam?

Currently Selected:

USAMUWELI I 21: XHO75

Qaqambisa

Share

Copy

None

Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena