IZIKRONIKE I 7

7
Imilibo yezizalwana
1Oonyana bakaIsakare nguTola, noPuwa, noYashubhi, noShimrom; babebané. 2Oonyana bakaTola ngu-Uzi, noRefaya, noYeriyeli, noYamayi, noIbhesam, noSamuweli, iintloko zezindlu zooyise zikaTola; amagorha anobukroti, ngokweenzala zawo. Inani lawo ngemihla kaDavide laba ngamashumi amabini anamabini amawaka, anamakhulu amathandathu. 3Oonyana bakaUzi nguIzerahiya. Noonyana bakaIzerahiya nguMikayeli, no-Obhadiya, noYoweli, noIshiya; babebahlanu, beziintloko bonke. 4Ndawonye nabo ngokweenzala zabo, ngokwezindlu zooyise, kwakukho izimpi zomkhosi wokulwa, amashumi amathathu anamathandathu amawaka; ngokuba babenabafazi noonyana abaninzi. 5Abazalwana babo, ngokwemizalwane yonke yakwaIsakare, amagorha anobukroti, baye bengamashumi asibhozo anesixhenxe amawaka, ukubhalwa kwabo emilibeni yabo yokuzalwa bebonke.
6 Oonyana bakaBhenjamin nguBhela, noBhekere, noYedihayeli; bebebathathu. 7Oonyana bakaBhela nguEtsebhon, noUzi, noUziyeli, noYerimoti, noIri; baye bebahlanu, iintloko zezindlu zooyise, amagorha anobukroti; ngokubhalwa kwabo emilibeni yokuzalwa babengamashumi amabini anamabini amawaka, anamanci mathathu anesiné. 8Oonyana bakaBhekere nguZemira, noYowashe, noEliyezere, noEliyohenayi, no-Omri, noYeremoti, noAbhiya, noAnatoti, noAlamete; bonke abo ngoonyana bakaBhekere; 9ngokubhalwa kwabo emilibeni yokuzalwa ngokweenzala zabo zeentloko zezindlu zooyise, amagorha anobukroti, babengamashumi amabini amawaka, anamakhulu amabini. 10Oonyana bakaYedihayeli nguBhilehan. Oonyana bakaBhilehan nguYehushe, noBhenjamin, noEhudi, noKenahana, noZetan, noTarshishe, noAhishahare. 11Bonke abo babengoonyana bakaYedihayeli, ngokweentloko zezindlu zooyise, amagorha anobukroti, alishumi elinesixhenxe lamawaka, anamakhulu mabini, aphuma umkhosi aye kulwa. 12OoShupim noHupim ngoonyana bakaIre; ooHushim ngoonyana baka-Ahere.
13Oonyana bakaNafetali nguYatsiyeli, noGuni, noYetsere, noShalum, oonyana bakaBhiliha.
14Oonyana bakaManase nguAsheriyeli, awamzalelwayo. Ishweshwe lakhe, umAramikazi, lazala uMakire, uyise kaGiliyadi. 15UMakire wazeka udade booHupim noShupim; igama lodade wabo belinguMahaka; igama lowesibini belinguTselofehadi; ke uTselofehadi ubeneentombi. 16UMahaka umkaMakire wazala unyana, wathi igama lakhe nguPereshe; igama lomninawa wakhe belinguShereshe; oonyana bakhe ngu-Ulam noRekem. 17Oonyana bakaUlam nguBhedan. Ngabo abo oonyana bakaGiliyadi, unyana kaMakire, unyana kaManase. 18Udade wabo, uHamolekete, wazala uIshodi, noAbhihezere, noMahala. 19Oonyana bakaShemida babengooAhiyan, noShekem, noLiki, noAniyam.
20Oonyana bakaEfrayim nguShutela, noBherede unyana wakhe, noTahati, unyana wakhe, noEliyada unyana wakhe, noTahati unyana wakhe, 21noZabhadi unyana wakhe, noShutela unyana wakhe, noEzere, noEladi; abababulalayo abantu bakwaGati, ababezalelwe kwelo zwe; ngokuba babehle beza kuthabatha imihlambi yabo. 22Wenza isijwili uEfrayim, uyise, imihla emininzi, beza kumkhuza abazalwana bakhe. 23Wamngena umfazi wakhe; wakhawula, wazala unyana, wathi igama lakhe nguBheriya;• ngokuba bekuhlé ububi endlwini yakhe. 24Intombi yakhe ibinguShera; yayakha iBhete-horon, eyasezantsi neyasentla, neUzen-shera. 25URefa ebengunyana wakhe, noReshefe; uTela ngunyana wakhe, noTahan unyana wakhe, 26uLadan unyana wakhe, uAmihudi unyana wakhe, uElishama unyana wakhe, 27uNun unyana wakhe, uYoshuwa unyana wakhe.
28Ke kaloku ilifa labo, namakhaya abo, yiBheteli namagxamesi ayo; ngasempumalanga yiNaharan; ngasentshonalanga yiGezere namagxamesi ayo, nowakwaShekem namagxamesi awo, kwesa eGaza namagxamesi ayo. 29Esezandleni zoonyana bakaManase yiBhete-shehan namagxamesi ayo, yiTahanaki namagxamesi ayo, yiMegido namagxamesi ayo, yiDore namagxamesi ayo. Kulapho kwakumi oonyana bakaYosefu, unyana kaSirayeli.
30Oonyana baka-Ashere nguImna, noIshwa, noIshevi, noBheriya, noSera udade wabo. 31Oonyana bakaBheriya nguHebhere, noMalekiyeli, onguyise kaBhirzaviti. 32UHebhere wazala uYafelete, noShomere, noHotam, noShuwa udade wabo. 33Oonyana bakaYafelete nguPasaki, noBhimhali, noAshevati. 34Ngabo abo oonyana bakaYafelete. Oonyana bakaShemere nguAhi, noRoga, noYehubha, noAram. 35Oonyana bakaHelem umzalwana wakhe nguTsofa, noImna, noSheleshe, noAmali. 36Oonyana bakaTsofa nguSuwa, noHarenefere, noShuwali, noBheri, 37noImra, nguBhetsere noHodi, noShama, noShilesha, noItran, noBhehera. 38Oonyana bakaYetere nguYefune, noPisepa, noAra. 39Oonyana bakaUla nguAra, noHaniyeli, noRitsiya. 40Bonke abo babengoonyana baka-Ashere: iintloko zezindlu zooyise, amagorha ahleliweyo anobukroti, iintloko zezikhulu. Ukubhalwa kwabo emilibeni yokuzalwa kwasemkhosini, ukuba balwe, babengamadoda angamashumi omabini anamathandathu amawaka, inani lawo.

Currently Selected:

IZIKRONIKE I 7: XHO75

Qaqambisa

Share

Copy

None

Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena