IZIKRONIKE I 11

11
UDavide wenziwa ukumkani
1Abuthelana ke onke amaSirayeli kuDavide eHebron, athi, Uyabona, silithambo lakho, siyinyama yakho; 2kwangaphambili, oko uSawule ebengukumkani, ibinguwe obuphuma ungena namaSirayeli; wathi uYehova uThixo wakho kuwe, Wena uya kubalúsa abantu bam amaSirayeli; wena uya kuba yingànga yabantu bam amaSirayeli. 3Afika onke amadoda amakhulu akwaSirayeli kukumkani eHebron, wenza umnqophiso nawo uDavide eHebron, phambi koYehova; amthambisa uDavide ukuba abe ngukumkani kumaSirayeli, ngokwelizwi likaYehova ngesandla sikaSamuweli.
4Wahamba uDavide namaSirayeli onke, waya eYerusalem (yiYebhusi ke leyo), apho abekhona amaYebhusi, abemi belo zwe. 5Bathi abemi beYebhusi kuDavide, Akusayi kungena apha. Wayithimba uDavide imboniselo yeZiyon (ngumzi kaDavide ke lowo). 6Wathi uDavide, Owaxabele amaYebhusi kwasentloko, woba yintloko nomthetheli. Wenyuka kwasentloko uYowabhi unyana kaTseruya, waba yintloko ke. 7UDavide wahlala emboniselweni apho; ngenxa yoko bathi ngumzi kaDavide. 8Wawakha umzi, wajikelezisa ngeenxa zonke, wathabathela eMilo, wajikelezisa. UYowabhi wawasindisa amaqongqolo aloo mzi. 9UDavide waya eba mkhulu ngokuba mkhulu; uYehova wemikhosi ubenaye.
Amagorha kaDavide
10Zizo ezi iintloko zamagorha abekuDavide, esomelezana naye ebukumkanini bakhe kunye namaSirayeli onke, ukuba amenze ukumkani, ngokwelizwi likaYehova kumaSirayeli. 11Lilo eli inani lamagorha kaDavide: nguYashobheham unyana kaHakimoni, intloko yabaphathi-mikhosi. Yena wathi rhuthu intshuntshe yakhe kumakhulu amathathu, awahlatywayo ngasihlandlo sinye. 12Emva kwakhe nguElazare unyana kaDodo, umAhowa, owayengomnye kumagorha amathathu. 13Yena wayenoDavide ePas-damim; amaFilisti ayebuthelene khona ukuba alwe. Kwakukho khona isiqwenga somhlaba, sinerhasi ichumile; basaba abantu ebusweni bamaFilisti. 14Wesuka yena wamisa esazulwini sesiqwenga eso, wasithimba, yena wawabulala amaFilisti; uYehova wenza ke usindiso olukhulu.
15Kwehla isithathu sabaziintloko emashumini amathathu, saya kuDavide eweni, emqolombeni waseAdulam; yaye impi yamaFilisti imise iintente entilini yamaRafa. 16UDavide oko ubesemboniselweni apho; ikampu yamaFilisti oko ibiseBhetelehem. 17Wanqwena uDavide wathi, Akwaba, bethu, bendingasezwa amanzi equla laseBhetelehem elisesangweni! 18Atyhudisa empini yamaFilisti amadoda amathathu lawo, akha amanzi equleni laseBhetelehem elisesangweni, awathwala awazisa kuDavide. Akavuma ke uDavide ukuwasela; wawathululela phantsi, phambi koYehova, wathi, 19Makube lee kum, Thixo wam, ukwenza oko. Igazi lala madoda, eliyimiphefumlo yawo, ndolisela yini na? ngokuba awazisa encamé imiphefumlo yawo. Akavuma ke ukuwasela. Enza ezo zinto amagorha lawo mathathu.
20UAbhishayi, umninawa kaYowabhi, yena waye eyintloko yamathathu. Yena wathi rhuthu intshuntshe yakhe kumakhulu amathathu, wabinza. Waba negama ke kulawo mathathu. 21Kulawo mathathu wayezukile kunamabini, waba ngumthetheli wawo ke; àkafika kodwa kulawa mathathu.
22UBhenaya unyana kaYoyada, unyana wendoda enobukroti yaseKabhetseli, ezenzo zininzi, yena wabulala iingwanyalala ezimbini zakwaMowabhi; yena wehla, wabulala ingonyama emhadini phakathi, mhla ngekhephu. 23Yena wabulala indoda engumYiputa, indoda enewonga, ekubhite• zintlanu; umYiputa lowo ephethe intshuntshe enjengomthi wabaluki beengubo. Wehla ke waya kuyo ephethe intonga, wayihlutha intshuntshe esandleni somYiputa lowo, wambulala kwangentshuntshe yakhe. 24Wenza ezo zinto uBhenaya unyana kaYoyada; waba negama ke kwisithathu eso samagorha. 25Yabona, wayezukile yena kunamashumi amathathu lawo; kodwa àkafika kwamathathu lawa. UDavide wammisa ephakathini lakhe.
26Amagorha anobukroti ayengooAsaheli, umninawa kaYowabhi; uElihanan, unyana kaDodo, waseBhetelehem; 27uShamoti waseHarodi; uHeletse umPelon; 28uIra unyana kaIkeshe, waseTekowa; uAbhihezere waseAnatoti; 29uSibhekayi umHusha; 30uIlayi umAhowa; uMaharayi waseNetofa; uHelede unyana kaBhahana, waseNetofa; 31uItayi unyana kaRibhayi, waseGibheha yoonyana bakaBhenjamin; uBhenaya wasePiraton; 32uHurayi wasezihlanjeni zaseGahashe; 33uAbhiyeli waseArabha; uAzemavete waseBhaharum; uEliyabha waseShahalebhon; 34uBhene-hashem waseGizon; uYonatan unyana kaShage, umHarari; 35uAhiyam unyana kaSakare, umHarari; 36uElifali unyana kaUre; uHefere umMekera; 37uAhiya umPelon; uHetsero waseKarmele; uNaharayi unyana kaEsebhayi; 38uYoweli umzalwana kaNatan; 39uMibhehare unyana kaHagri; uTseleke umAmon; uNaharayi waseBheroti, umphathi weentonga zikaYowabhi unyana kaTseruya; 40uIra umItri; uGarebhe umItri; 41u-Uriya umHeti; uZabhadi unyana ka-Alayi; 42uAdina unyana kaShiza, umRubhen, intloko yamaRubhen, enamashumi amathathu; 43uHanan unyana kaMahaka; noYoshafati waseMeten; 44u-Uziya waseAshterati; uShama noYehiyeli, oonyana bakaHotam waseArahere; 45uYedihayeli unyana kaShimri, noYoha umzalwana wakhe, umTitsi; 46uEliyeli umMahavi; noYeribhayi noYoshafiya, oonyana bakaElinaham; 47noItema umMowabhi; uEliyeli, no-Obhedi, noYahasiyeli waseMetsobhaya.

Currently Selected:

IZIKRONIKE I 11: XHO75

Qaqambisa

Share

Copy

None

Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena