1
Kwabase-Efese Kwabase-Efese 6:12
Contemporary Xhosa Bible 2024
Kuba umzamo wethu asingowokuzamana negazi nenyama; ngowokuzamana nazo izilawuli, nawo amagunya, nazo iziphatha-hlabathi zobumnyama balo eli phakade, nayo imimoya ekhohlakeleyo kwezasezulwini iindawo.
Thelekisa
Phonononga Kwabase-Efese Kwabase-Efese 6:12
2
Kwabase-Efese Kwabase-Efese 6:18
ngako konke ukuthandaza nokukhunga, nithandaza amaxesha onke nikuye uMoya; niyiphaphamele loo nto ngako konke ukuzingisa nokukhunga, ngenxa yabo bonke abangcwele
Phonononga Kwabase-Efese Kwabase-Efese 6:18
3
Kwabase-Efese Kwabase-Efese 6:11
Xhobani sonke isikrweqe sikaThixo, ukuze nibe nako ukumisa nibuchase ubuqhinga boMtyholi.
Phonononga Kwabase-Efese Kwabase-Efese 6:11
4
Kwabase-Efese Kwabase-Efese 6:13
Ngoko ke, qubulani sonke isikrweqe sikaThixo, ukuze nibe nako ukuchasa ngomhla ombi, nithi nikufezile konke, nime nimi.
Phonononga Kwabase-Efese Kwabase-Efese 6:13
5
Kwabase-Efese Kwabase-Efese 6:16-17
Ngaphezu kweento zonke, qubulani ikhaka lokholo, enothi ngalo nibe nako ukuzicima zonke iintolo ezinomlilo zongendawo. Yamkelani isigcina-ntloko sosindiso, nalo ikrele loMoya, elililizwi likaThixo
Phonononga Kwabase-Efese Kwabase-Efese 6:16-17
6
Kwabase-Efese Kwabase-Efese 6:14-15
Yimani ngoko, nibhinqe inyaniso esinqeni senu, ninxibe isigcina-sifuba sobulungisa; Nibophe ezinyaweni zenu ulungiselelo lweendaba ezilungileyo zoxolo.
Phonononga Kwabase-Efese Kwabase-Efese 6:14-15
7
Kwabase-Efese Kwabase-Efese 6:10
Elokugqiba, bazalwana bam, ndithi, Yomelelani eNkosini, nasekuqineni kokomelela kwayo.
Phonononga Kwabase-Efese Kwabase-Efese 6:10
8
Kwabase-Efese Kwabase-Efese 6:2-3
Beka uyihlo nonyoko; wona lowo ngumthetho wokuqala onedinga; ukuze kulunge kuwe, ube nexesha elide emhlabeni.
Phonononga Kwabase-Efese Kwabase-Efese 6:2-3
9
Kwabase-Efese Kwabase-Efese 6:1
Nina bantwana, baveni abazali benu ngokwabaseNkosini; kuba oko kububulungisa.
Phonononga Kwabase-Efese Kwabase-Efese 6:1
Ekuqaleni
IBhayibhile
Izicwangciso
Iividiyo