1
Ivangeli ka‐Mateyu 27:46
Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard)
Waza ngeyesitoba iyure wamemeza u‐Yesu ngelizwi elikulu, esiti: Eli! Eli! lama sabaketani? oko kukuti: Tixo wam! Tixo wam! undishiyile nganina?
Thelekisa
Phonononga Ivangeli ka‐Mateyu 27:46
2
Ivangeli ka‐Mateyu 27:51-52
Laza bona ke, ikuselo lendawo eyingcwele laṙazulwa kubini kwa pezulu kwada kwasezantsi; wati umhlaba wangcangcazela, namawa acandeka; aza amancw̔aba avulwa, yati imizimba emininzi yabangcwele ababelele yavuswa
Phonononga Ivangeli ka‐Mateyu 27:51-52
3
Ivangeli ka‐Mateyu 27:50
Wati ke u‐Yesu, akupinda ukudanduluka ngelizwi elikulu, waku̔pa umpefumlo.
Phonononga Ivangeli ka‐Mateyu 27:50
4
Ivangeli ka‐Mateyu 27:54
Kekaloku inkosikulu nabo babenayo begcina u‐Yesu, bakubona isingcangcazelo somhlaba nezinto ezenzekileyo, boyika kakulu, besiti: Ngenyaniso ebengunyana KATIXO lo.
Phonononga Ivangeli ka‐Mateyu 27:54
5
Ivangeli ka‐Mateyu 27:45
Kwati kekaloku kweyesitandatu iyure yada yayiyure yesitoba, kwabako ubumnyama pezu kwalo lonke ilizwe.
Phonononga Ivangeli ka‐Mateyu 27:45
6
Ivangeli ka‐Mateyu 27:22-23
Wati kubo u‐Pilati: Ndize nditi nina ku‐Yesu o‐kutiwa ngu‐Kristu? Bati kuye bonke: Makakuruseshwe. Koko inkosi yati: Wenze ukukohlakala kunina pofu? Kodwa bebedanduluka ngakumbi, besiti: Makakuruseshwe.
Phonononga Ivangeli ka‐Mateyu 27:22-23
Ekuqaleni
IBhayibhile
Izicwangciso
Iividiyo