1
I‐Genesise 50:20
Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard)
Nina okunene nibe nicinga ngakum inkohlakalo; oko kodwa UTIXO wakucingela okulungileyo, kuze kuti, njengokuba kunjalo kwa namhla nje, kulondolozwe abantu abaninzi ebomini.
Thelekisa
Phonononga I‐Genesise 50:20
2
I‐Genesise 50:19
Waza wati u‐Josefe kubo: Ningoyiki; ngokuba ndisendaweni KATIXO yinina?
Phonononga I‐Genesise 50:19
3
I‐Genesise 50:21
Ngako kaloku, ningoyiki; ndonifunzela nina, kwa nentsapo zenu. Waza wabatutuzela, wateta ezintliziyweni zabo.
Phonononga I‐Genesise 50:21
4
I‐Genesise 50:17
Niya kutsho ku‐Josefe ukuti: Uze uke uxolele isilandu sabakuluwe bako, nesono sabo; ngokuba bekwenzele inkohlakalo: ngako kaloku, uze uxolele isilandu sezicaka zake UTIXO woyihlo wako. Walila ke u‐Josefe kwakutetwa kuye.
Phonononga I‐Genesise 50:17
5
I‐Genesise 50:24
Wandula wati u‐Josefe kubazalwana bake: Bona ke, ndiza kububa mna; koko UTIXO eya kunikumbula ngenyaniso, aninyuse kwelilizwe ukuya ezweni wabefunga ngalo ku‐Abrahame, ku‐Yisake, naku‐Yakobi.
Phonononga I‐Genesise 50:24
6
I‐Genesise 50:25
Waza u‐Josefe wafungisa usapo luka‐Sirayeli, esiti: UTIXO wonikumbula ngenyaniso, naniya kunyusa amatambo am kulendawo.
Phonononga I‐Genesise 50:25
7
I‐Genesise 50:26
Wada wabuba u‐Josefe, eyiminyaka ilikulu lineshumi nye ubudala bake: baye bemnyanga ke, waza wafakwa etyeyeni e‐Jipete.
Phonononga I‐Genesise 50:26
Ekuqaleni
IBhayibhile
Izicwangciso
Iividiyo