1
U‐Hezekile 4:4-5
Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard)
Kanjalo wena lala pezu kwelokohlo icala lako, ubeke ityala lendlu ka‐Sirayeli pezu kwalo: inani lemihla uya kulala pezu kwalo, uya kutwala ityala labo. Ngokuba ndikumisele iminyaka yetyala labo, ngenani lemihla, imihla engamakulu matatu anamashumi alitoba; wauya kutwala ityala lendlu ka‐Sirayeli.
Thelekisa
Phonononga U‐Hezekile 4:4-5
2
U‐Hezekile 4:6
Nxa ugqibile le, uze ubuye ulale pezu kwelokunene icala lako, wauya kutwala ityala lendlu ka‐Juda imihla engamashumi mane: ndikumisele umhla mnye endaweni yomnyaka mnye, umhla mnye endaweni yomnyaka mnye.
Phonononga U‐Hezekile 4:6
3
U‐Hezekile 4:9
Zitabatele nenqolowa, neṙalasi, nentlumaya, nelentile, namazimba, nespelete, uzifake esityeni sinye, uzenzele isonka ngazo; inani lemihla ulalayo pezu kwecala lako, imihla engamakulu matatu anamashumi alitoba, uya kutya sona.
Phonononga U‐Hezekile 4:9
Ekuqaleni
IBhayibhile
Izicwangciso
Iividiyo