1
Eyesibini yezikronike 7:14
Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard)
baze bati abantu bam, ekupezu kwabo kubizwa igama lam, bazigobe, batandaze, bafune ubuso bam, baguquke emikweni yabo ekohlakeleyo; ndiya kwandula ndive mna kwa sezulwini, ndixolele isono sabo, ndipilise nelizwe labo.
Thelekisa
Phonononga Eyesibini yezikronike 7:14
2
Eyesibini yezikronike 7:15
Kaloku amehlo am ovuleka, nendlebe zam zopulapuleka, kuwo umtandazo walendawo.
Phonononga Eyesibini yezikronike 7:15
3
Eyesibini yezikronike 7:16
Ngokuba kaloku ndiyinyulile ndayenza ngcwele indlu le, ukuba igama lam libeko kona kude kube ngunapakade; kwakuya kubako kona amehlo am nentliziyo yam imihla yonke.
Phonononga Eyesibini yezikronike 7:16
4
Eyesibini yezikronike 7:13
Ukuba ndiyavingca izulu, kuze kungabiko imvula, umhlaumbi ukuba ndiyayalela inkumbi zigqibe ilizwe, umhlaumbi ukuba ndiyatuma isifo esibubisayo pakati kwabantu bam
Phonononga Eyesibini yezikronike 7:13
5
Eyesibini yezikronike 7:12
WANDULA UYEHOVA wabonakala ku‐Solomone ebusuku, wati kuye: Ndivile umtandazo wako, ndandizinyulele lendawo ibe yindlu yemibingo.
Phonononga Eyesibini yezikronike 7:12
Ekuqaleni
IBhayibhile
Izicwangciso
Iividiyo