1
Eyokuqala incwadi ka‐Petrosi 5:7
Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard)
sonke isitukutezi senu nisilahlele kuye nje, kuba enikatalela.
Thelekisa
Phonononga Eyokuqala incwadi ka‐Petrosi 5:7
2
Eyokuqala incwadi ka‐Petrosi 5:10
Kekaloku UTIXO wofefe lwonke, owasibizelayo ebungcwaliseni bake obungunapakade ku‐Kristu Yesu, wanga angati ngokwake, nakuba nivile intlungu kancinane, anizalisekise, aniqinise, anomeleze, anisekele.
Phonononga Eyokuqala incwadi ka‐Petrosi 5:10
3
Eyokuqala incwadi ka‐Petrosi 5:8-9
Qabukani, nilinde; kuba u‐Satane utshaba lwenu, njengayo ingonyama ekonyayo, ehambahamba, efuna lowo angamginyayo: oyena nimale nite nqi elukolweni, nisazi nje ukuba intlungu ezikwa zizo ziyafezwa kubo ubuzalwana benu obuselizweni.
Phonononga Eyokuqala incwadi ka‐Petrosi 5:8-9
4
Eyokuqala incwadi ka‐Petrosi 5:6
Zitobeni ngoko ngapantsi kwaso isandla esinamandla SIKATIXO, ukuze anipakamise ngexesha elifanelekileyo
Phonononga Eyokuqala incwadi ka‐Petrosi 5:6
5
Eyokuqala incwadi ka‐Petrosi 5:5
Ngokunjalo, nina batsha! lulamelani kubo abadala. Ewe nonke lulamelani omnye kwomnye, nambate ukutobeka kwentliziyo: ngokuba UTIXO emelana nabaner̔atshi, kodwa abatobekileyo uyabapa ufefe.
Phonononga Eyokuqala incwadi ka‐Petrosi 5:5
Ekuqaleni
IBhayibhile
Izicwangciso
Iividiyo