1
KWABASEROMA 14:17-18
IBHAYIBHILE
Kaloku ukukholisa uThixo akungakutya nakusela; kodwa kukwenza ubulungisa, sinoxolo novuyo, silawulwa nguMoya oyiNgcwele. Owenjenjalo ke ukhonza uKrestu, ukholekile kuThixo, waye usulungekile emehlweni abantu.
Thelekisa
Phonononga KWABASEROMA 14:17-18
2
KWABASEROMA 14:8
Kaloku nokuba sidla ubomi, siphilela iNkosi, nokuba siyafa, sifela iNkosi. Ngoko ke nokuba sidla ubomi, nokuba siyafa, singabeNkosi.
Phonononga KWABASEROMA 14:8
3
KWABASEROMA 14:19
Ngoku ke masizondelele izinto zoxolo nezokwakhana.
Phonononga KWABASEROMA 14:19
4
KWABASEROMA 14:13
Masingabi sagwebana ke – ndaweni yaloo nto masizimisele ukungenzi nanye into enokumkhubekisa imwise esonweni umwethu.
Phonononga KWABASEROMA 14:13
5
KWABASEROMA 14:11-12
kuba *iziBhalo zithi: “Ndingophilayo nje, itsho iNkosi, aya kugoba kum onke amadolo, zimdumise uThixo zonke iilwimi.” Ngoko ke sonke ngabanye siya kunika ingxelo phambi koThixo.
Phonononga KWABASEROMA 14:11-12
6
KWABASEROMA 14:1
Lowo ke uswele amandla elukholweni, mamkeleni, kodwa kungabi nganjongo yakuphikisana nezimvo zakhe.
Phonononga KWABASEROMA 14:1
7
KWABASEROMA 14:4
Yini na wena ukuba usigwebe isicaka somnye? Kaloku siya kugwetywa yinkosi yaso. Kanti notyayo akayi konakalelwa nto, kuba iNkosi inako ukumgcina.
Phonononga KWABASEROMA 14:4
Ekuqaleni
IBhayibhile
Izicwangciso
Iividiyo