1
UMATEWU 14:30-31
IBHAYIBHILE
Kodwa akuva amandla omoya, usuke woyika, wathi, esaqala ukutshona, wakhala esithi: “Nkosi, ndisindise!” Kwangoko uYesu wasolula isandla sakhe, wambamba, wathi: “Wena ulukholo luncinane, bekutheni na ukuba uthandabuze?”
Thelekisa
Phonononga UMATEWU 14:30-31
2
UMATEWU 14:30
Kodwa akuva amandla omoya, usuke woyika, wathi, esaqala ukutshona, wakhala esithi: “Nkosi, ndisindise!”
Phonononga UMATEWU 14:30
3
UMATEWU 14:27
Kwangoko ke wathetha nabo uYesu, esithi: “Yomelelani; ndim; musani ukoyika.”
Phonononga UMATEWU 14:27
4
UMATEWU 14:28-29
Wavakala uPetros esithi: “Nkosi, ukuba ngaba nguwe ngenene, yitsho ndize kuwe ndihamba phezu kwamanzi.” UYesu wathi: “Yiza.” Wehla ke esikhitshaneni uPetros, wahamba phezu kwamanzi, waya kuYesu.
Phonononga UMATEWU 14:28-29
5
UMATEWU 14:33
baza abo basesikhitshaneni baqubuda kuYesu, besithi: “Inene, ùnguNyana kaThixo.”
Phonononga UMATEWU 14:33
6
UMATEWU 14:16-17
Kodwa uYesu wathi kubo: “Akukho mfuneko yakuba bemke. Bapheni nina ukutya.” Bathi ke kuye: “Asinakutya apha. Sinezonka ezihlanu neentlanzi ezimbini kuphela.”
Phonononga UMATEWU 14:16-17
7
UMATEWU 14:18-19
Wathi: “Ziziseni apha.” Esiyalele isihlwele ukuba sihlale phantsi engceni, wazithatha ezo zonka zihlanu nezo ntlanzi zimbini, wathi ekhangele ezulwini, wabulela, waziqhekeza izonka, wazinika abafundi bakhe, baza bazabela abantu.
Phonononga UMATEWU 14:18-19
8
UMATEWU 14:20
Batya ke bonke bahlutha, kwaza kwaqokelelwa iingobozi ezilishumi elinambini zokutya okuseleyo.
Phonononga UMATEWU 14:20
Ekuqaleni
IBhayibhile
Izicwangciso
Iividiyo