1
ULUKA 6:38
IBHAYIBHILE
Yiphani; nani ke niya kuphiwa nguThixo. Ewe, nophiwa isabelo esihle, esipheleleyo, esigalelwa engubeni yenu. Indlela enabela abanye ngayo, nani niya kwabelwa kwangayo nguThixo.”
Thelekisa
Phonononga ULUKA 6:38
2
ULUKA 6:45
Umntu olungileyo uvelisa ukulunga okuphuma entliziyweni yakhe. Ke okhohlakeleyo uvelisa inkohlakalo ephuma entliziyweni yakhe. Kaloku loo nto intliziyo iphuphuma yiyo iphuma ngomlomo.”
Phonononga ULUKA 6:45
3
ULUKA 6:35
Ke nina, zithandeni iintshaba zenu, nenze okulungileyo; niboleke ningathembanga mbuyiselo. Woba mkhulu ke umvuzo wenu, nibe ngoonyana bakaThixo uPhezukonke, kuba yena unobubele kwabangabuleliyo nabakhohlakeleyo.
Phonononga ULUKA 6:35
4
ULUKA 6:36
Ngoko ke yibani nenceba, njengokuba naye uYihlo enenceba.”
Phonononga ULUKA 6:36
5
ULUKA 6:37
“Musani ukugweba; nani ke aniyi kugwetywa nguThixo. Musani ukugxeka; nani ke aniyi kugxekwa nguThixo. Xolelani; nani ke niya kuxolelwa nguThixo.
Phonononga ULUKA 6:37
6
ULUKA 6:27-28
“Ke mna ndithi kuni, nina nindivayo: Zithandeni iintshaba zenu, nibenzele okulungileyo abo banithiyileyo. Basikeleleni abo baniqalekisayo, nibathandazele abo banigxekayo.
Phonononga ULUKA 6:27-28
7
ULUKA 6:31
Benzeleni okulungileyo abanye abantu ngolo hlobo ninga banganenzela ngalo okulungileyo.
Phonononga ULUKA 6:31
8
ULUKA 6:29-30
Lowo ukubetha esidleleni, mnike nesinye. Okohlutha isivatho sakho sangaphezulu, ungamaleli nesangaphantsi. Bonke abacela kuwe, baphe. Kothatha izinto zakho uzungabuye uzibize.
Phonononga ULUKA 6:29-30
9
ULUKA 6:43
“Akukho mthi mhle uvelisa iziqhamo ezibi; kananjalo akukho mthi mbi uvelisa iziqhamo ezihle.
Phonononga ULUKA 6:43
10
ULUKA 6:44
Kaloku umthi wonke waziwa ngeziqhamo zawo. Amakhiwane akakhiwa emngeni; kananjalo iidiliya azivunwa elubobeni.
Phonononga ULUKA 6:44
Ekuqaleni
IBhayibhile
Izicwangciso
Iividiyo