1
UJOWELI 2:12
IBHAYIBHILE
Ewe kaloku, utsho uNdikhoyo, yena uthi: “Qalisani kwangoku. Buyelani kum ngamxhelo mnye ngokuzila, ngeenyembezi, nangesingqala.”
Thelekisa
Phonononga UJOWELI 2:12
2
UJOWELI 2:28
“Kothi ke emva koko ndithulule uMoya wam kulo lonke uluntu, bashumayele oonyana neentombi zenu, amaxhego aphuphe amaphupha, abafana babone imibono.
Phonononga UJOWELI 2:28
3
UJOWELI 2:13
Ndithi sanukuzikrazula izinxibo, koko zisoleni kukrazuk' iintliziyo. Buyelani kuNdikhoyo uThixo wenu; kaloku yena unesisa kwanemfobe, uza kade umsindo, yimvuze-mvuze ngobubele; ewe, unebuyambo, akananqala.
Phonononga UJOWELI 2:13
4
UJOWELI 2:32
Kananjalo nabani na othe wabiza igama likaNdikhoyo uya kusindiswa, kuba kaloku kwintaba iZiyon naseJerusalem kuya kubakho ukuhlangulwa, njengoko atshiloyo uNdikhoyo – nditsho ukuhlangulwa kwâbo babiziweyo nguNdikhoyo.”
Phonononga UJOWELI 2:32
5
UJOWELI 2:31
Ilanga liya kujika libe bubumnyama, inyanga ibe bomvu njengegazi, phambi kokufika kwaloo mhla mkhulu woyikekayo kaNdikhoyo.
Phonononga UJOWELI 2:31
Ekuqaleni
IBhayibhile
Izicwangciso
Iividiyo