1
KWABASE-EFESE 6:12
IBHAYIBHILE
Kuba kweli dabi lethu asilwi nabantu, kodwa silwa nemimoya ekhohlakeleyo esesibhakabhakeni, izilawuli, nabasemagunyeni, kunye nemimoya engcolileyo yeli phakade lobumnyama.
Thelekisa
Phonononga KWABASE-EFESE 6:12
2
KWABASE-EFESE 6:18
Zinikeleni ngokupheleleyo ekuthandazeni. Thandazani maxa onke niqhutywa nguMoya. Ngesi sizathu ke hlalani nithe qwa, ningancami, nisoloko nibathandazela abantu bakaThixo.
Phonononga KWABASE-EFESE 6:18
3
KWABASE-EFESE 6:11
Nxibani sonke isikrweqe eninokusifumana kuThixo, ukuze nibe nako ukumelana nabo bonke ubuqhokolo bukaSathana.
Phonononga KWABASE-EFESE 6:11
4
KWABASE-EFESE 6:13
Ngoko ke xhobani ngezikrweqe zikaThixo, ukuze nibe nako ukuxhathisa xa kunyembelekile, nize nifeze konke nimile ngxishi.
Phonononga KWABASE-EFESE 6:13
5
KWABASE-EFESE 6:16-17
Ngamaxesha onke ukukholwa makube likhaka lenu; ngokholo noba nako ukuzicima zonke iintolo ezivuthayo zikaSathana. Entloko thwalani usindiso. Phathani ilizwi likaThixo libe likrele enilinikwa nguMoya.
Phonononga KWABASE-EFESE 6:16-17
6
KWABASE-EFESE 6:14-15
Ngoko ke hlalani niqulile. Bhinqani ngenyaniso; ninxibe ubulungisa ukukhusela isifuba. Ezinyaweni nxibani inkuthalo yokuhlala nichophele ukuvakalisa iindaba ezimnandi zoxolo.
Phonononga KWABASE-EFESE 6:14-15
7
KWABASE-EFESE 6:10
Elokuphetha ndithi njengokuba nimanywe neNkosi nje, yomelelani nincedwa ngamandla ayo.
Phonononga KWABASE-EFESE 6:10
8
KWABASE-EFESE 6:2-3
“Beka uyihlo nonyoko.” Lo ngumyalelo wokuqala onesithembiso esithi: “Uya kuba namathamsanqa, nemihla yakho yolulwe emhlabeni.”
Phonononga KWABASE-EFESE 6:2-3
9
KWABASE-EFESE 6:1
Bantwana, bathobeleni abazali benu nimanywe neNkosi nje, kuba kulunge kanye ukwenjenjalo.
Phonononga KWABASE-EFESE 6:1
Ekuqaleni
IBhayibhile
Izicwangciso
Iividiyo