1
AMAVA ENGQONDI 5:2
IBHAYIBHILE
Qiqa phambi kokuba uthethe; musa ukungxama ukwenza izithembiso kuThixo. Kaloku yena usezulwini, ube ke wena ulapha emhlabeni; ngoko ke amazwi akho makabe mbalwa.
Thelekisa
Phonononga AMAVA ENGQONDI 5:2
2
AMAVA ENGQONDI 5:19
Ewe, umntu xa ephiwe ubutyebi nezinye izinto eziphathekayo, aze futhi uThixo amnike inyhweba yokuzixhamla ezo zinto, kufuneka akuxhamle enombulelo ukubulaleka kwakhe – kaloku eso sisipho esivela kuThixo.
Phonononga AMAVA ENGQONDI 5:19
3
AMAVA ENGQONDI 5:10
Umntu oyinyolukeleyo imali soze imanelise; kanti ke noxhinele ubutyebi akaze aneliswe yingeniso yakhe. Nale ke into ngamampunge.
Phonononga AMAVA ENGQONDI 5:10
4
AMAVA ENGQONDI 5:1
Lumka, ugqale ukunyathela kwakho xa usiya endlwini kaThixo. Xa usiya khona hamba ngeenjongo zokuphulaphula endaweni yokwenza amadini njengezityhakala ezingaziyo ukuba zenza ubugwenxa.
Phonononga AMAVA ENGQONDI 5:1
5
AMAVA ENGQONDI 5:4
Xa wenze isifungo kuThixo, khawuleza usifezekise. Kaloku yena akavani nezityhakala; ngoko ke siphumelelise isifungo sakho.
Phonononga AMAVA ENGQONDI 5:4
6
AMAVA ENGQONDI 5:5
Akunani kwaukungenzi sifungo kunokubhambathisa uze ungafezekisi.
Phonononga AMAVA ENGQONDI 5:5
7
AMAVA ENGQONDI 5:12
Umntu ophangelayo ulala athi yoyi, noba utya kancinci, okanye ke uyahlutha. Ke bona ubunewu-newu besityebi busitsho siphuthelwe.
Phonononga AMAVA ENGQONDI 5:12
8
AMAVA ENGQONDI 5:15
Mhla wavela umntu uzalwa ngunina ezé; mhla andulukayo uhamba kwangolo hlobo eze ngalo. Kuko konke ukubulaleka kwakhe umntu apha emhlabeni umka engaphathanga nto ngesandla sakhe.
Phonononga AMAVA ENGQONDI 5:15
Ekuqaleni
IBhayibhile
Izicwangciso
Iividiyo