1
KWABASEKOLOSE 2:6-7
IBHAYIBHILE
Ngoko ke, njengoko namamkelayo uKrestu Yesu iNkosi, hlalani nimanyene naye. Iingcambu zenu mazendele, nakheke kuye, nomelele ngokomelela elukholweni njengoko nafundiswayo, niphuphume ngumbulelo.
Thelekisa
Phonononga KWABASEKOLOSE 2:6-7
2
KWABASEKOLOSE 2:8
Zilumkeleni, ningathatheki iingqondo yimilavuzo engaphethe nto, engasekelwanga ngoKrestu, esekelwe ngezithethe neemfundiso zabantu, nangamagunya alawula ehlabathini.
Phonononga KWABASEKOLOSE 2:8
3
KWABASEKOLOSE 2:13-14
Nangona nanifile ngenxa yeziphoso zenu, nto leyo icaciswa kukungaluki kwenu, uThixo univuse kunye noKrestu, waza wazixolela zonke izono zethu. Usicime mpela isityholo setyala lethu lokwaphula imiqathango yomthetho. Incwadi leyo yesityholo uyisuse kwaphela, wayibethelela emnqamlezweni.
Phonononga KWABASEKOLOSE 2:13-14
4
KWABASEKOLOSE 2:9-10
Kuba kaloku ubume bobomi bukaThixo bukho ngokupheleleyo kuKrestu ongumntu; yaye ke nimanywe naye nje, niphiwe ubomi obupheleleyo. Kaloku yena yintloko: liphantsi kwakhe lonke igunya namandla.
Phonononga KWABASEKOLOSE 2:9-10
5
KWABASEKOLOSE 2:16-17
Ngoko ke makungabikho bani unixoxisayo ngento emaniyitye, okanye niyisele, nangemisitho yokuthwasa kwenyanga *neyoMhla wokuPhumla. Ezi zinto zazisisithunzi nje sento eyayilindelekile – inkqu yayo nguKrestu.
Phonononga KWABASEKOLOSE 2:16-17
Ekuqaleni
IBhayibhile
Izicwangciso
Iividiyo